Abanandaba nantlekele bayifuna apha ‘iprotection fee’ kula Mthatha.

2 Min Read
Uyigxibha kabukhali usodolophu waseKing Sabatha Dalindyebo eyokufunwa kwe-protection fee kwimibutho yesisa.

‘Yiwishishwishwi’ nje kula Mthatha emva kwale ntlekele ichaphazele indawo yaseMthatha West ingakumbi iDecoligny, nesize kwilitye loshicilelo beleqala i1000 abantu abasele befunyenwe beswelekile emva kwesaqhwithi nemvula emandla ehlasele eMpuma Koloni. Izithili eziquka iAmathole, Alfred Nzo, Chris Hani nayo iOR Tambo zizo ezithwaxwe kanobom ngulo nogumbe. Kuvakale ke ukuba imibutho yesisa ezekunceda intlaninge yabantu abashieyeke bengenamakhaya, kutya namapahla ithe yavalwa ziintswelaboya ezingaziwayo ziyifuna apha imali yokhuseleko (protection fee) ngokubakho kwawo kula ndawo. 

Kuyakukhumbuleka iMthatha West, yenye yeendawo ebezitshotsha entla kulo khuba weprotection fee, nekwade kwakhokelela ekubeni urhulumente omkhulu athumele ibutho lamapolisa ukuya kunqanda kuba lo mkhwa umbi wawuseweqe uphungela ngokwakhe. Kwasekuvale inyambalala yamashishini amanye ethutha kula Mthatha. Eneni lubambekile ucwangco, zafa iintswelaboya eziliqela ebezikhankanywa kulo mkhwa kudubulwano namapolisa ngeliza ezinye zavele zatshonisa iintloko ezinye zabhaca, kodwa kuyabonakala ashiyekile amahlumela. 

Usolodolophu weKing Sabatha Dalindyebo uNyaniso Nelani ukuqiniseksile ukuba bakuvile ukuvalelwa kwabantu beGift of the Givers. Engqina ngokwnene ukuba umbutho iGift of the Givers ithe yavalelwa ngelixa izisa amanzi eantwini. Uthe oku sebekugqithisele emapoliseni ukuze amaphande ze abuyae nabo bephila. Uqhube wathi abasokuze bakuvumele ukuphathwagadalala kwemibutho yesisa, neze kunceda amaxhoba angenamakhaya kula mmandla. Uthe konke oko sebekubikile emapoliseni ukuba adlale indima yawo kubanjwe abenzi bobubi. Ukuza kwethu kwilitye loshicilelo bekungekabanjwa mntu, kodwa amapolisa esathe bhazalala emva kokuntanywa kwalo mkhuba ngamalungu athile ale mibutho yesisa. 

Share This Article