Ngamadoda amabini athe abanjwa eMthatha ngoMvulo wale veki ngabakwantsasana nokutyholwa ukuba ebebebandakanyeka kulwaphulomthetho oluthe lwenzeka kuQumbu. La madoda aphakathi kweminyaka eyi25 no45 abanjwe kwisitalato iCallaway eMthatha nekutyholwa ukuba ebefunwa ngezityholo zokuxhomisa kwivenkile yeempahla kumbindi dolophu wakuQumbu. Kolu lwaphulomthetho kuvakala ukuba kumbonzeleke amadoda ebexhobe efe amacala akhomba abasebenzi ngeemimpu ze abaqhuba baya kubantshixela eofisini. Emveni kokubantshixela banyanzelisa isikhiya salapho kugcinwa khona oonomayi nekulapho befike bazinaphela abayi14 abaxabiso labo liqikelelwa kwinani elinguR34 000, 00 ze baphela emehlweni nazo.
Ngokwesithethi samapolisa eOR Tambo uCaptain Welile Matyolo, uphando lukhombe ukuba aba nomyayi balibhekise ngaseMthatha nekulapho iNkampani elanda umkhondo iwukhombe eMthatha khona apho eCallaway nekulapho bethe bafumaneka bonke oonomyayi besazama ukwabelana ngabo. La madoda kuvakala ukuba enye isuka kwidolophu yaseCoffe Bay ngelixa eyesibini isuka eSajoinsi (Port St Johns). Sithetha nje la madoda asankolonkoloza kwezimnyama zona izisele nekulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kaMantyi kwakhona phaya kuQumbu kungentsuku zatywala. La madoda ajamelene nezityholo eziquka ukuxhomisa kuxhotyiwe, ukufumaneka nempahla eyebiweyo, kanti ummpu ofumaneke kubo kudule ukuba ngumbombayi okanye lithoyisi nekulilo ebekukhonjwa ngalo abasebenzi evenkileni.
