Abembubhiso yaseNgobozana bavele ‘emajajini’

2 Min Read
Lo nguMzukisi Ndamase ongumrhanelwa ophambili kwindyikitya yokufa yaseNgobozana eLusikisiki kwiphondo leMpuma Koloni. Ukwalibanjwa nowabanjwa engaphakathi kwitolongo iWellington eMthatha, ze emveni koko wafuduselwa eBhongweni C-Mx Prison eKokstad.

Amadoda amathandathu asele eshiyekile najamelene nezityholo zendyikitya yokufa eyehla kwilali yaseNgbozana eLusikisiki kwabulawa 18 yabantu, ngomhla we28 kuSeptember 2024, avele okokuqala kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha ngoMvulo umhla we14 kuApril 2025. Eli tyala lithathwe laya kujulwa ‘emajajini’ eMthatha emva kokuqala kwalo kwinkundla yengingqi eLusikisiki, nalapho ke kwinkundla ephakamileyo eMthatha lithe lahlehliselwa umhla we 16 May 2025, ukunika ixesha labamele la madoda ukuba balungiselele ukuqhubeka kweli tyala.


La madoda athe avela aquka ekuthiwa ngungqondongqondo kweli tyala ongumtyholwa wokuqala owabanjwa engaphakathi ejele eWellington, eMthatha uMzukisi Ndamase (46), Siphosoxolo Myekethe (45), obengaphandle ngengqawule, Aphiwe “AP” Ndende (25), Bonga Hintsa (31), Mawethu Nomdlembu (36). Kwakunye noSongezo “Mashiya” Vuma (20) owabanjwa ekugqibelene sengqotsa ukubalekela eNtshona Koloni. La madoda abanjwa esibhozo kodwa kwamabini kuwo amatyala ahlejliswa ngenxa yokungabikho kobungqina obabuwayamanisa nawo.

Kwesi sithwakumbe sothusa lonke ihlabathi, la madoda ajamelene namatyala aquka ukuqulunqa ukubulala, alishumi nesibhozo okubulala, ukuxhwila, ukufumaneka nemimpu engenamaphepha-mvume neembumbulu.Kuvakala ukuba ezi zijem-jem zangena zingabhungisanga ekuzeni kusa ngomhla we 28 kuSeptember eNgobozana kumzi owawulungisela ukuya kombula isihlobo sawo naso esasidutyulwe. Afika atshayela ngembumbulu, engena indlu nendlu igazi labutyadidi neendonga zikwalijaja ligazi labafi. Nababeziva izithonga kwakunzima ukuphuma kuba laliduma izulu lezandla ligqobhoza udonga.

Kwafikwa kuluwaca zizidumbu kushiyeke nje usana ulwalulila ecaleni kwanina naye itshoba sele lilele umbethe. Ngamanina uninzi ababangamaxhoba kule mbubhiso. Kanti kufutshane nje emva kwesiganeko kwabanjwa amadoda asibhozo amanye awo efumaneka nemimbaxa emikhulukazi nekukrokreleka ukuba yayiyakufihlwa kwezinye zelali zaseFlagstaff nekuphinde kurhaneleke ukuba kungenzeka yasetyenziswa kule ntshabalalo. Kananjalo la madoda kuvakala ukuba ayabandakanyeka kwityala lokubulawa kukaceba weANC eAlfred Nzo, uMnu Mncedi Gijana ngomhla we19 August 2024 nowadutyulelwa ekhayeni lakhe kwaBhaca. Nalo ityala lakhe kudizwa ukuba lakuba seliqhutyelwa apho kwinkundla ephakamileyo eMthatha.

Share This Article