Abenkonzo yobuKatolika kwihlabathi bakhumbula uPope Francis.

2 Min Read
AmaKatolika ajonge entabeni kulonyulo lwePope ezakungena kwizihlangu zikaPope Francis uthe wangcwatywa kutsha nje. Stock Image

Abenkonzo yobuKatolika iRoman Catholic Church mbombo zone zomhlaba behlelwe sisithwakumbe sokulahlekelwa yinkokheli yebandla uPope Francis. Abalandeli belibandla kwihlabathi baqikelelwa kwi 1, 3 billion, iAfrika inkqenkqeza phambili ngamanani, njengokuba ilizwe iDemocratic Republic of Congo linamalungu ayi 55 million. Kwinkonzo yokukhumbula uPope Francis ebibanjwe kwiDiocese yaseMthatha ebanzi ngolona hlobo ineeParish (amabandla) ayi28 uBishop Sithembele Sipuka, umzobe uPope Francis njengomntu ophantsi nobehoye abantu ekunokuthiwa abahoyekanga eluntwini, abafana neembacu, abantu abangenamakhaya namaxhoba odushe lwaseGaza.


Isikhumbuzo siye sagigitheka yintsini xa uBishop Sipuka eveza ukuba uPope Francis lo ebengabuthandi ubunewunewu kangangokuba eyiPope nje ebene sihlangu esinye jwi,” utshilo. “Ngamanye amaxesha besikhe simthandabuze ukuba usaqhuba le yethu, kuba ebesenza izinto ezingahambelani nesikhundla sobuPope. Ebekholwa ukuba phakathi kwabantu abahlelelekileyo kwihlabathi liphela, elungisa iingxaki zabo, endaweni yokuhlala kubhazabhaza wepoma elenzelwe iPope. Kodwa yena ebekhetha ukuhlala kumagumbi amabini enzelwe iindwendwe,” utshilo uBishop Sipuka. Lo kaSipuka ukwadize ukuba uPope ubafundise ukuthobeka.


Kanti kwelinye icala amakholwa ashiyeke ethe khunubembe kule nkonzo emva kokungabonakali nangotshengele kosodolophu waseKing Sabatha Dalindyebo kunye nowesithili iOR Tambo nebekulindeleke bazimase lo msitho nabo. Bona ababemele iimvaba ngeemvaba phantsi kweSouth African Council of Churches bebephume ngendlu yabo. UPope Francis uthe wabekwa kwinkonzo yakhe yokugqibela ibibanjelwe eVatican ngoMgqibelo umhla we26 kuApril 2025, eRome kanti kwiveki ezayo kulindeleke ukuba kuqhutywe uvoto ngoosomaqhuzu abaphezulu kweli bandla ukuze kutyunjwe uPope omtsha. Abaninzi ke kweli ityeli banqwenela ukuba uPope aphume eAsia okanye apha eAfrika.

Share This Article