Indoda yakuGogozayo kwidolophu yaseMqanduli eMpuma Koloni eke yavela kutsha nje kweli phephandaba intywizisa emva ‘kokungqunyuzwa’ intywenka yemali eqikelelwa ngaphaya kukaR185 000.00, ityhola umprofethi ilandulele eli nekuvakala ukuba ifunyenwe ngomhla weKrismesi, 25 December 2025, ebhedini yayo itshoba sele lilele umbethe. Unobangela wokusweleka kukaMadondile Gwazela (68), ubungekaziwa, kodwa abantu abaninzi banorhano lokuba kungenzeka ukuba ukuqhathwa kwakhe ngulo mprofeti kungangunobangela wokutshaba kwakhe.
Yonke imali yomhlalaphantsi owayezothenga ngayo isigadla ebetyhola ngelithi yemka nalo mprofeti kuquka nezinye imali eziquka ooR10 000 no R15 000 owayesithi uya nazo eNigeria ukuze zande zikhule abe sesingawothiyo isinhanha ohlukane nokuhlupheka kodwa kubonakala ingathi zemka namanzi.
Le ndoda ibikhala ezimantshiyane ikhomba uMprofeti owaziwayo eMpuma Koloni noMzantsi uphela uZukisa Yam. Wavela esithi waqhathwa ngumntu ebemthemba kuba ebekhonza kwibandla lakhe kanti uzakumvukela esiswini okotywala. Nasemveni kokuba inqaku lakhe liphumile kweli phephandaba, uphinde wasitsalela umnxeba evakalisa ukukhathazeka ekwacela nokugqithisa iinombolo zakhe zasebhankini ukuza acele amalizo abantu bamfakele imali akwazi ukukhupha abantwana bakhe ebebesentabeni yaye esitsho ukuba akanayo ne2 ‘bob’ ukuze abancede xa bephuma. Esweleka nje abantwana abakabuyi entabeni nomprofeti ebengekamfumani kuba oko waphela emehlweni esithi akasazibambi neenombolo zakhe zikanomyayi xa ezama ukumtsalela. Amatyeli aliqela eli phephandaba okuzama ukufumana umprofeti Yam awa phantsi nanjengoko unomyayi wakhe wawukhala ungabanjwa. Yena uMnu Gwazela ubekwe kooyise mkhulu ngoMgqibelo umhla we03 January 2026.
