AmaMpondo athi uyawagela uMabuyane makathi gu bucala.

2 Min Read
Iinkosi zamaMpondo zithi makathi Gu bucala uMabuyenae kwinyewe yamaMpondo apha kungelixa zimbabwe indibano kwiKomkhulu iHewu eFlagstaff. Stock Image

AmaMpondo Royal Family ekhokhelwa Sisilili kwizindlu zeKumkani uMarelane nekunguye ongumvelisi weeKumkani ezine esele zike zaphatha kwisizwe samaMpondo iwugxibhe kabukhali umpoposho (government gazette), othe wakhutshwa kutsha nje yiNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uMnu Lubabalo Mabuyane. Lo mpopoposho abantwana begazi bakhala ngokuba awuzinikanga xesha laneleyo izindlu ezibandakanyekayo okanye amacala ubudiza ukwamkelwa ngurhulumente kweNkosana Dumelani Freeman Sigcau, njengebambela Kumkani emva kokukhothama kweKumkani uZanozuko Sigcau ngonyaka ka2022.


Oku kudale ukuba indlu yamaMondo ikhwebe indibano ekhawulezileyo ikhaba esi siphakamiso sikarhulumente kwikomkhulu iHewu eNtlenzi kwidolophu yaseFlagstaff ngoLwesihlanu esisuka kuye. Yinkungu nelanga yabantu besizwe samaMpondo isuka mbombozone zesizwe samaMpondo aseMpuma ethe yahlanganisana eNtlenzi.
Le ndibano ibikhokhelwa ngabantwana begazi besuka kwizindlu ezahlukeneyo zikaFaku. Kodwa ke yona indlu ezibiza ngokuba ngamaFaku Royal House, nekuyiyo esemva kokuba uNkosana uDumelani abekwe njengebambela Kumkani ayikhange ibonakale nangotshengele.


Ngokomlomo kaNkosi Nzululwazi Sigcau, lo mpoposho kaMabuyane bawukhaba ngawo omane yaye kufuneka unkulumbuso ake athi gu bucala kule nyewe de amaMpondo azithathele isigqibo ngokwawo. Uthe esi senzo sidala uqhekeko nangakumbi kwisizwe samaMpondo esizimisele ngobumbano. “Asingeke sikwazi ukwamkela oku kwenziwe nguNkulumbuso sibabantwana bakaMarelane, kuba nalo Dumelani akekho nakufutshane kwizindlu ezingangena kubuKumkani, lo nto ithetha ukuba kuthathwa umsila wenziwa intloko.” uthethe watsho. Ukanti uNkosi uNzululwazi ubesisaqhaga kumbuzo ububuza ukuba kungani besephantsi phezulu ngebango lembamela Kumkani, kanti unyana okhona kaZanozuko, uNkosana Yolisa Sigcau seneminyaka eyi28. Uthe lo nyewe isafuna usapho luyihlalele.


Ithunyelwe ke nencwadi ekhabana nokuphakanyiswe yinkulubaphathiswa, neofosi yayo yakuqinisekisa ukufumana le ncwadi. Phakathi kwezinto ezithe zaphakanyiswa kule ndibano kukuba kwenziwe uphando olunzulu kuthathwa nakwiziphakamiso zeKomisjoni kaMndende. Kodwa ke amaMpondo ebetha ngengqindi phantsi ukuba ‘never’ kubambele uNkosana uDumelani.

Share This Article