AmaMpondo atyumba ibambela Kumkani

2 Min Read
UNkosana uYolisa Sigcau (28), ekuthiwa nguye ezakutyunjwa ukuba angene ezihlangwini zikayise iKumkani eyakhothamayo uKumkani Zanozuko Sigcau. Stock Image

Isizwe samaMpondo asempuma isilili AmaMpondo Royal Family sele ememezeleli indibano ekhawulezileyo ezakubanjwa ngoMgqibelo umhla we10 May 2025, kwiKomkhulu iHewu, eNtlenzi kwidolophu yaseFlagstaff kwiphondo iMpuma Koloni. Kule ndibano adize ukuba azakuba ememezela ibambela Kumkani, emva kokukhothama kukaKumkani Zanozuko Sigcau, ngonyaka ka2022. Le ndlu ithi ayijiki ukuba unyana weKumkani eyakhothamayo uNkosana Yolisa Zululiyazongoma Sigcau kube nguye ozakungena ezihlangwini zikayise emva kokubanjelwa nguninakhulu uKumkanikazi Nobandla Sigcau kuba ebesesesikolweni apho ebesenza izifundo zomthetho.


Kodwa sileliphephandaba siwurhogele nomoya othi kwakuyo le ndlu bakhona abangahambisaniyo nokutyunjwa kwale Nkosana bekhala ngelithi ifunyenwe nguKumkani Zanozuko ngaphandle komtshato. Kwelinye icala iNkulubaphathiswa yephondo ikhuphe umpoposho kutsha nje othi urhulumente wamkela uNkosana Dumelani Freeman Sigcau njengebambela Kumkani lamaMpondo. Kodwa indlu yeKumkani uMarhelane nenomnombo ozala iiKumkani ezintathu phambi kwaZanozuko, iwukhabe ngawo omane lowo mpoposho, isithi iNkulumbuso ixabanisa amaMpondo enyeweni ebekufanele ihlalelwa sisizwe sawo.

KwawuNkosana uDumelani lowo akekho kulayini womnombo wokuba libambela Kumkani. Emveni kwalo mpoposho iAmaMpondo Royal Family, yabhala incwadi ixelela uMabuyane ngokungahambisani nawo nokungoneliseki ngendlela oqhutywe nopapashwe ngayo. Ngokomlomo othethele iAmaMpondo Royal Family, uMabuyane makake athi gu bucala bazicubhele umqa wabo kulo mba webambela Kummkani. Sakuva nge 10 kaMeyi 2025, ukuba iyakuzala nkomoni kule mbondandimunce yebambela Kumkani esele eqhube ixesha elide de kwakhwetywa neKomishoni kaMndende ukuba ilamle, neyeza neziphakamiso kodwa yaqhuba yona imbudumbudu.

Share This Article