Bashiyeke bebebambe ongezantsi abahlali kwakunye nabanye abafundi kulandela ukuhlaselwa kubulawe umfundi ngelixa omnye eshiyeke engxwelerhekile kwindawo yokuhlala abafundi i-Admirality Way eSummerstrand kwidolophu yaseGqeberha. Kuvakala ukuba ndoda ithile elinganiselwa phaya kwiminyaka engamashumi amabini phaya kwizithuba zentsimbi yesixhenxe xa kurhatyela ingene kwindawo yokuhlala abafundi ixhobe ngemela.
Ingxelo yamapolisa ihambisa ithi esi sijamankungwini sivele sonda ngomnye umfundi ona 23 yeminyaka ongowasetyhini saqala sambhokoda ngemela singenandaba na kakade neso sikhalo. Omnye futhi oneminyaka engamashumi amabini uthe wagwazwa naye ze le nqevu wathatha oonomyayi ababini kwakunye nelaptop waphela emehlweni washiyeka ezintliziyweni. Lo omnye una 20 yeminyaka uthathwe wasiwa esibhedlele kodwa wasinda ngelixa owesibini ekhange alenze ixesha.
Amapolisa ngokwesithethi sawo uCaptain Andre Beegte aphantsi phezulu bephica le ndoda enzele ibanjwe ze izakujongana nezono zayo. Ubhenele nakubani ongathi abe nolwazi ukuba atsalele umphandi wetyala ongu Sergeant Rudwana Baatjies ku 073 130 3018 okanye kwinombolo ekubikwa ulwaphulo mthetho engu 08600 10111.
