Emva nje kokubona inqaku lezinto ezithetha zingabonwa mntu kumzi wakwaMkhathi, KwaNtuli eSgidini Esiphakathi eMt Ayliff, yimiqodi yabafundi ethe yafowunela intombi yelikhaya isuka kwimbombo zone zeli loMdibaniso, bethandaza kunye nayo bezama ukuchithachitha nokugxotha lemimoya.
Ezizinto kuvakala ukuba sezineminyaka zigquba kwelikhaya zitshisa iimpahla, zixutha amacephe xa kusityiwa, ziqhoqha abantu ngamatye nditsho namakholwa imbala xa ezothandaza.
UNhanhazile Mkhathi ongunina wentwazana ena 13 yeminyaka ezaqala zathetha kuyo njengokuba sezijikele kugogo uMampinga unina kaNhanhazile, uthi ziqatsele ngoku ekugezeni. Uthi zigibisela ngamatye ngesona sivathi sake saphezulu, yaye kubonakale ukuba lingamchana umntu ilitye lingamonzakalisa kanobom.
Uthi oko kwenze ukuba abanye abantwana babalekiselwe kwasisi wakhe owokhe ebumelwaneni, kodwa zabalandela zabagibisela kwaphaya into ezizange zake zayenza ngaphambili. Bezibuza ukuba sizama ukuthini ngokuthandazisa abantu ezifowunini. Zithi azisatshi ngumthandazo, abantu bamane nje bechitha i-airtime yabo befowunela kwelikhaya, badlala nje ngexesha labo.
Zide zithi ngubani owake wavuma ukuphuma ekhayeni lakhe kona ezoyaphi. Ziqinisekisile ukuba zisazohlala apho kuba yipaladise (paradise) yazo phaya ekhaya. Zide zigcolode ngelithi ingaba usazakuzalwa uyakuzikhupha phaya,” uthethe watsho.
Uthi ngoku kuye aphele emqaleni yaye baxakekile ukuba baqale ngaphi kuba kudala bezama kwaphela nalo mali babezama ngayo, kuba namagqirha afike azama kungathi kuyathuleka, kodwa emva kwexesha zibuye, yaye negqirha elo livele lingathi liphetshethiwe lingaphinde lifune ukubuya.
UNhanhazile uthi uyabulela ngemithandazo, kodwa esithi indlela ezigeza ngayo ngoku inochatha. Kodwa ke uthi naphantsi komanzithinzithi obumnyama akakalilahli ithemba kuba ekholelwa ukuba ayikho into egqitha umthandazo. Nithi yintoni na le iqhubeka kwelikhaya lakwaNtuli? Sizakumana ukuqhubeka sikuphakela zishushu ‘ngoonontwayibonwa’ aba.
