Bakhala ezimantshiyane ‘oonozipoti’ ngoNotshutsha

2 Min Read
Usomashishini othe wadutyulwa kutsha nje uMnu Loyiso Mabiza (40).

Kushiye iinyembezi zodwa kubulawa ngokungenalusini kwasomshishini waseBhisa kwidolophu yaseMaxesibeni, uLoyiso Mabiza (40), nobedume ngelikaNotshutsha. UNotshutsha ebeyindoda ibizama ihamba idiliva utywala kwizikroxo ezininzi kwiindawo eziquka ooMangxontseni, Mbhongweni, Mahedeni, Sigidini, Ntuli, Tela nezinye. Amakhastom akhe akhala ezimathontsi ngokubulawa kwale ndoda ibidume ngokuthobeka nobubele. Lo kaMabiza uthe wadutyulwa emzini wakhe ngamadoda angaziwayo, kwiiveki ezimbalwa ezigqithileyo, ze konzakaliswa unkosikazi wakhe nesithetha nje ulele ngandletyananye esibhedlele. 

Kuvakala ukuba la madoda ake afike kwiveki phambi kokubulawa kwakhe nafike uxothu isamba semali esingathiwanga pahaha. Besohlutha kubantwana ze bababethela ugqirha nezicaka wabe yena engekho esemcimbini wekhaya kwilali yaseManxontsen. Kanti akugqithanga ntsuku zingaphi kwaphinda kwahlasela amadda anagziwayo kweli ityeli afika ekhona amdubula itshoba lalala umbethe. Amapolisa asiqinisekisile esi senzo esitsho ukuba aphantsi kophando olunzulu, kodwa akukabanjwa umntu.

Kwelinye icala kwintsuku ezngaphantsi kwesihlanu kwenzeke esi siganeko sokugetyengwa kukaNotshutsha kuphinde kwaxhonyiswa enye ivenkile kumgama ongekude kuyaphi ukusuka apho eBhisa kwilali yaseMbhongweni kwangenwa ngenkani ngamadoda ebexhobe efe amacala athatha ngenkani imali. Kuthiwa akukho mntu okwazileyo ukunqanda nangona nje wonke umntu ebesiva yaye ebona oko bekuqhubeka kuba la madoda ebexhoobe ezingovolo, noke wazama ephuma nomkhono wekati kuthiwa la madoda amxelele ukuba akavele aphinde endlini kuba ngeke amelane nawo. Ngenene ke le ndoda yenze ngokomyalelo yakubona ‘imiratata’ ibixwaywe ngala madoda. Ukanti uNotshutsha yena kulindeleke angcwatywe ngoMngqibelo umhla we16 kuAugust 2025, kwilali yaseBhisa emaXesibeni.  

Share This Article