Kubonakala ingathi ukuxhatshazwa kwabafundi kwizikolo zaseMpuma Koloni ingakumbi eMthatha kweqe uphungela ngokwakhe. Oku kulandela ukuqhambuka kwalo mkhwa wokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo ziitshala ezibafundisayo. Eli chaphaza likhomba kootitshala abangamadoda, liqale ukuvela kwisikolo i-St Johns College eMthatha, nekulapho abafundi benze uMthatha wema nxii bekhalazela ootitshala ababagqiba kulo mhlaba ungezantsi bathi abo bathe ngelishwa labo bathatha banyanzeliwe ukuba bazikhuphe ezo zisu.
Kutshane nje kulandele omnye umbhodamo kwisikolo iNgengelizwe High nalapho kukwaculwa iculo elinye loototshala abalala nabafundi. Nakweli ityele kungenelele amapolisa alamla, kuba abantwana emfeneni besithi makubanjwe okanye kunqunyanyiswe abo babandakanyekayo. Sele bekhona ootitshala asele benqunyanyiswe kwibholo laseSt Johns College nekhuphe iinkcubabuchopho ezininzi kweli phondo.
Kwelinye icala ziphinde zabikwa ezi ngxelo nakwisikolo JS Skenjana High eDutywa. Uphando lweli phephandaba lufumene ukuba ininzi le nto yokuxhatshazwa kwabafundi bootitshala yaye kudala uqhubeka. Kuyevakala ukuba kwizikolo zaseMthatha yondele, nekulapho nokuba seyithe yavela iphinde inyathelwe ngeenyawo okanye utitshala lowo abandakanyekayo xa seyibona ukuba ‘iyabhema’ alukuhle umntwana lowo ngemali.
Kungelo xesha ke apho umbutho weAfrican Transformation Movement (ATM), uthe wakhupha isitatimente esimemelela uphando olukhawulezileyo. Isithethi salo mbutho uMnu Zama Ntshona, uthe bengulo mbutho bazikhaba ngawo omane izenzo zobudladlunge ezenziwa babafundisi-ntsapho ebantwaneni. Ubhenele emapoliseni nakwisebe lezemfundo kuzwelonke ukuba bangenelele kwenziwe uphando olukhawulezileyo nolunzulu eMpuma Koloni.
