Bashiyeke bethe khunubembe abahlali nosapho lwentwazana eneminyaka elishumi nesihlanu (15), nethe yadlwengulwa ze yabulawa kwilali yaseNgcongco eLibode ngoLwesihlanu esiwusingelayo, kodwa umzimba wazofumaneka ngoLwesibini wale veki.
UAmahle Dlokwakhe nobengumfundi webanga leshumi elinanye (grade 11) eMabulana Senior Secondary School kuvakala ukuba uthe wahlaselwa wadlwengulwa ngamadoda amathathu ngelixa esiya kwisinqandamathe sakhe esikwenye ilali engaphesheya iTabase kwalapho eLibode. Eyona into ibuhlungu ngale ntwazana kukuba abazali abasekho koko bebeseshiyeke bengabantwana bodwa ngoku ukuba kuzakwenziwa njnai ukuze kungcwatywe, lusizi olumi lodwa emnqamlezweni.
Ngokwengxelo kuvakala ukuba uAmahle uyazisile iboyfriend yakhe ukuba sele esukile ekhaya, yaye akahambi yedwa ke mayiphume imhlangabeze. Ngenene isinqandamathe esi siphumile sabona ifowuni ilayitile kumgama ose kude nanjengoko besele kungorhatya.
Yaphuma yahlangabeza, kodwa ngokuya isiza yacima ifowuni yazama ukumfowunela yangena ifowuni kodwa ingabanjwa emveni koko kwee cwaka nasendleleni ebesiza ngayo engabonakali waxakwa ukuba kwenzeke ntoni. Ubikile kwakhangelwa kwafumaneka isihlangu kuphela kumgama ongabhekele phi kwaphinda kwafunyanwa umzimba wakhe sowubanda.
Kwesi siganeko kuvakala ukuba abanjiwe amadoda amathathu kodwa aphinde akhulula nasemva kokuba enye yawo kuvakala ukuba ivumile isitsho futhi ukuba bathe bakumdlwengula yathi enye mabavele bambulale kuba uyabazi uzakubantama.
Uyavutha ngumsindo umbutho obhekene nempathekogadala kwabasetyhini iNyakaza Mntomtsha NPO ngokurhuqa iinyawo kwamapolisa ekubambeni abenzi bobubi. Ngokwesithethi sawo uAlilitha Norolela ibaphatha kakubi into yokuba kubanjwe abantu kuphinde kuthiwe akukho tyala, kodwa ke uthi abazunikezela de kubanjwe abenzi bobubi abanta bavela betshona akukho mntu ude uze nanto ibambekayo. Ngokwengxwelo efunyenwe leli phephandaba kukuba isiganeko esikumila kunje asiqali kula mmdandla, yaye nakwesangaphambili akuzange kubanjwe mntu. Amapolisa thi asaphanda nakweli ityeli.
