Yinkungu nelanga yabahlali bendawo ekuthiwa kuseHlathini eSlovo Park, abagcwalise izitalato zedolophu yaseMthatha behambisa ugxwebhu lwezikhalazo kumasipala iKing Sabatha Dalindyebo (KSD), ngoLwesibini esisuka kuwo. Bathi kudala bethenjiswa ukufuduswa kodwa akukho nto ide yenzeke yaye bayoyika ukuba bangaphinde babesengxakini xa kungabuya ezi zikhukula nezashiya abantu abangaphaya kwe1000 bephulukene nobom. Ezi khukula zahlasela ngenyanga kaJune kulo nyaka kwiindawo ezifana neDecoligny, Chris Hani nezinye indawo zaseSolovo Park eMthatha.
“Sifuna umhlaba kuba asisathembi apha naxa kunetha ngoku zihlala ziphezulu izibilini. Sifuna ii-voucher ezazikhutshwe nguLotto, kodwa uceba wethu kwathiwa ilist yethu wayibekela ecaleni wafaka ezaziwa nguye. Sicela kwenziwe i-assessment le babethe bazakuza bazoyenza kodwa de kube ngoku asazi noba sikwi floods zone or danger zone na ngabula bona,” uthethe watsho uNoxolo Dayeni ongumhlali obethabathe inxaxheba kolu qhankqalazo. Bathi banolwazi ngezinto zokuncedisa ezanikezelwa kwamasipala ukunceda amaxhoba, kodwa akude kuncedakale mntu ingakumbi kula ndawo yabo. Ugxwebhu lwezikhalazo luthe lwamkelwa ngamagosa alo masipla nathembisileyo ukuligqithisa kuziphathamandla.
