Bavuswe ngento ebusa-‘movie like’ eFlagstaff

2 Min Read
Ezinye zezixhobo ezifumaneke kwiindawo yeseganeko.Stock Image


NgoMvulo waleveki phaya ngentsimbi yesibini xa abanye baphaphamayo ebuthongweni, kwidolophu yaseFlagstaff eMpuma Koloni, bavuswe buphuthuphuthu ngumqhoqhozwano wezibham, abaphume bakroba nebesele besesitalaweni ngeloxesha bekungathi babukele i-movie kumabonakude, abanye baphindela ezindlini bethatha icover kuba bebengazi ukuba zisuka, zibhekisa ngaphi ezozithonga.

Kanti ke umqhoqhozwano lo ubuphakathi kwamapolisa kwakunye noonqevu ekuvakala ukuba bebexhomisa bexhobe befe amacala kwi-supermarket iSizabantu kumbindi wedolophu yaseFlagstaff, ngoMvulo umhla we31 kuMarch 2025.
Unogada ebegade kule venkile uhlabe umkhosi ecela uncedo emapolisen ebebambe ucwangco apho edolophini, nebesele aba nqevu bemthathele unomyayi wakhe.

Bebhadanywa ngamapolisa kuvakala ukuba besele begqibile ukuqhekeza bekwindlela ephumayo, ze baphuma nesamba semali esingadizwanga. Kanti ababuzanga elangeni, athi amapolisa unotshe makwedini ukuba ningemka nale mali kwaqala bona bathi ngeke isiphuncuke sesiyiphethe ngezandla. Athi amapolisa nitsho emadodeni niyayiqala, niyazi ke ukuba nizakuyifeza. Lwaqala udubulwano phakathi kwabanqevu namapolisa, zawa intsizwa ezimbini edabini kwicala labaqhekezi, eneminyaka eyi 36 neneminyaka eyi 45.


Ngokwengxelo yamapolisa ngomlomo wawo, uCaptain Welile Matyolo, ezintathu kuzo zikwazile ukubhunca. Ikhona ke inxalenye yemali ethe yafumaneka emva komqhoqhozwano nayo engadizwanga ukuba ibingakanani kwaye namapolisa akaqinesekanga ukuba ikhona ehambe nabo bakwazileyo ukubeleka abasicatya ngelixa kudutyulwana namapolisa.


UCaptain Matyolo, uthi phakathi kwezinto ezithe zafunyanwa kwabo bathe basweleka kudubulwano ngumbaxa (AK47) uneembumbulu, kwakunye nomkhono wekati oluhlobo lwe 9mm pistol, zikhuhliwe iinombolo-mbhalo zawo. Uthe amapolisa asaphica ukuze kufunyanwe abo bathe bakwazi ukubhunca koludubulwano.

Share This Article