Irhante eyamkelisa indodla iSouth African Social Security Agency (SASSA), kwiphondo leMpuma Koloni ikwiphulo lokuqinisekisa ukuba ihlawula abaxhamli zibonelelo abangabo. Kutsha nje le arhente imemezele ukuba ezinye iintlawulo zizakulibaziseka, nanjengoko kuthunyelwe abaxhamli ziboneleli abakumnyinge wezigidi ezibini kubaboneleli bezezimali (credit bureaus), ukujonga aba baxhamli zibonelelo, abanazo na ezinye iingeniso zemali.
Osuka kule arhente kwiphondo leMpuma Koloni uTabisa Mayaba, ukuqinisekisile kumajelo eendaba ukuba kulo mnyinge sele bewuthumele wezigidi ezibini zabantu abaxhamla izibonelelo abayi210 000, kwilizwe jikelele, banazo ezinye iingeniso. Kwiphondo ngabaxhamli abaphaya ku44000 ekufumaniseke ukuba bayaxhamla bambi bayaphangela okanye banezinye izinto ezibangenisela imali ngaphandle kwesibonelelo. Uthe abaziyo ukuba benza oku mabeze ngaphambili kwii ofisi zale arhente ukuzakuhlaziya kuba ngalo ndlela barhwaphiliza imali karhulumente.
Uqhube wathi ekufikeni kwabo kwaSASSA kuzakujongwa ukuba usamkela siphelele isibonelelo, okanye sincitshiswe umntu afumane isiqingatha okanye sipheliswe nje kwasona kulowo unenye ingeniso. Uthe ukuba abezi lo mba ungakhokelela ekubeni isibonelelo eso sipheliswe, yaye abo besele beqhubeke ixesha elide kuzokwenziwa unako nako ukuba kutsalwe kwimali zabo khonukuze kubuye imali karhulumente ebebeyitya ngomgunyathi. Abo bachaphazelekayo banikwe nje iintsuku ezingamashumi amathathu ukuba balungise oku.
