Bekumbejembeje kunjeyaya kumnyhadala wenkcubeko

1 Min Read
Eli lelinye lamaqela athe athabatha inxaxheba kumsitho wesiNtu ububanjelwe eMthatha kutsha nje.

Bekuxhel’exhukwana kukhutshiswana ngezinxibo zakwaNtu zizizwana ezohlukeneyo kwisithili seOR Tambo kwiholo yoluntu iAll Saints eMthatha kutsha nje.

Kaloku iKhanyiso Enterprise ibisingathe umnyadala womdantso nemidlalo yoqonga ngokoxhaso lweNational Arts Council (NAC).

Zizizwana ezifana namaBhaca, amaMpondo, amaMpondomise, abaThembu nezinye ezithe zadibana, ulutsha noluntu ngokubanzi kutyetyiswa ilihlo kukwakhutshiswana ngezakhono zenkcubeko yomntu omnyama.

Ongumqondisi kule kampani nophinde abe ngumququzeleli wale nkampani uKhanyiso Dukada uthi injongo yalo msitho kukuvelisa izakhona nomanyano kuzo zonke izizwana ezi kule ngingqi phambinde bavelise namathuba emisebenzi.

Uqhube wathi kungumnqweno wabo ukuba lo msitho uhlale uqhubeka unyaka nonyaka kuba zandele izakhono kule ngingqi koko azithiwa dakancana elubala ukuze ulutsha okanye uluntu ngokubanzi luvele lwaziwe.

Ubhenele kumasipala weOR Tambo ukuba uyifakele amehlo le project bayiqalileyo ukuze kuphuhle kuvele namathuba emisebenzi kusapho lwengingqi yeOR Tambo. Lo msitho ubuzinyaswe nabubukho bephondo nekulapho kukhona abanye babantwana abathe batyunjwa ukuba baye kuthatha inxaxheba kumgangatho ongasentla.  

Share This Article