Ukudutyulwa kwabasetyhini okwentaka emizini yawo kwiilali zaseNgcobo sele kuchikimise imanyano yoomama (Mothers’ Union) kwi Diocese yaseMbhashe ukuba ibhinqe omfutshane ikhalimela okubulawa kwabasetyhini kula mmandla. Ngaphantsi nje kweenyanga ezimbini sele bengaphaya kwesihlanu abasetyhini abathe badutyulwa babulawa kuquka udubulo lwakutsha nje komama nomntwana wakhe kwilali yaseNkondlo.
Le mbumba yoomama kule veki ithe yandwenwela kwilali yakuManzana isiya kuhesha elishologu lambethe la mmandla emva kokudutyulwa kubulawe owasetyhini kwakhona. Lamanina amemelele ukuba le seyifuna umthandazo kuba ingaphaya kokulwa ngokwasempilweni.Umongameli weMothers’ Union, umama Nokulunga Sifuba eli lixesha lokuba abasetyhini baguqe phantsi banike idolo ukutya kwalo bangabe belilisela ngokubulawa nokuphathwa gadalala kwabantwana.
“Thixo nceda phelisa le nto kunokuba sibe siphakamisa izandla sisithi, senze ntoni, xa bekusuke kwathini. Masivele siwe emthandazweni kuba nguwo uyakunqoba,” utshilo. Ukuza kwethu kwilitye lokushicilela bekungakabikho mntu sele ebanjiwe kuwo wonke amatyala nanjengoko amapolisa edize ukuba uphando lusaqhuba.
