Hayi, akuyondlela kaloku le ziindonga.

1 Min Read
Hayi, kule indlela xa uhamba kuyo size ungabethwa luvalo.

Akusezondlela ngoku sekuzindonga kwaward 14 kumasipla eLundini kwidolophu yaseMount Fletcher phantsi komasipla wesithili iJoe Gqabi. Uthi uhamba nje ube ubambe umzimba kuba uphepha iindonga ngaphakathi emgaqweni kanti zikhona ezoyikekayo emacaleni. 

Abahlali bathi bazamile ukubamba iintlanganiso noceba ukuze kujongwe le meko, kodwa kwantlanga zimka nomoya, into ese yenzeka emva kwalo ntlanganiso use wahambela kude okwethamsanqa. Badize ukuba kulo ntlanganiso wabaxelela ukuba umasipala akanamali, lo ntetha kukhangeleka ingathi yamgxotha kuba bathi akasafuni nokudibanisa iintoko nabo ukuze bazame elinye icebo. 

Othethele abahlali uPastor Dada, uthi akuphelelanga kokungabikho kweendlela koko akukho mbani, akukho themba laziko lezempilo (clinic), akukho nxibelelwano ngenxa yokungabikho kwenetwork kwiilali eziyi 15 kwa ward 14. Abantwana basemngciphekweni wokukhukuliseka xa kunetha besiya ezikolweni kuba akukho zibhulorho. Uthi abaveli nangonwele kwizigcwangciso zikamasipala kuphuhliso. Uqhuba athi le nto kuthiwa yinkululeko bona bayiva ngembali. 

Uceba uAkhona Sphambo, uthi iindlela kwa14 zikwisigcwangciso kunyaka mali oqala ngomhla wokuqala kuJuly 2025. Uzikhabe nje ngobuvuvu isityholo ezithi akezi kwiintlanganiso xa ebizwa ngabahlali, esithi ayikho nanye intlanganiso ake wabizwa kuyo ngabahlali kodwa wangayi. Udize ukuba izinto ezidala ingathi izinto zihamba ngonyawo lonwabu kukuba iplant kamasiplala inye ngoku iqala nakwezinye iiward. 

Share This Article