Hayi! Kufikelele esiphelweni kuFikile Msindwana.

2 Min Read
Ugwetyiwe Fikile Msindwana (54) nobesaziwa ngokuba ngungqondongqndo kuxhomiso lwezithuthi zemali kwiphondo leMpuma Koloni liphela.Stock Image

Iliwa libheke umoya kuFikile Msindwana (54), ‘wakudala’ nobeyintsephe igungqela uqobo lwalo, nobesaziwa ngokuba ngungqondongqndo kuxhomiso lwezithuthi zemali kwiphondo leMpuma Koloni liphela, emva kokugwetywa nzima yinkundla ephakamileyo eBhisho kule veki umhla we 18 November 2025, kwakunye namajoni akhe ekungooCamagu Zimela (47), Siphelo Mase (34), kunye Siyabonga Mkhangeli (34), abazifumanele ezabo eziqatha izigwebo. Yena uNoveki Maqungeni (38), nobalwa naba bagwetyiweyo wathi wakhutshwa ngebheyile yeR3000, ngonyaka ka2024 ekunye noZoleka Ntsizi (46) naye owakhululwa ngebheyile yeR2000 ngonyaka ka2022. Esi sibini sona sithe sanikwa izigwebo ezixhonyiweyo ngelixa bekugwetywa uMsindwana namabutho akhe. Le ntsizwa yakwaMsindwana yazalelwa kwilali yaseMcobothi phaya eLusikisiki kwelamaMpondo ibingabeki phantsi xa kuziwa kwiimoto zemali,  nto leyo yayiqala kudaloo nombhali wenqaku waseyinkwekwe ngoko.  

Akungoku waduma ngemiglingwane ke uFikile lo, yaye bambalwa abantu abangamaziyo kulo eli candela lezolwaphulomthetho nakwiphondo nje jikelele, kodwa ngoku kukhangeleke oko kufikelela esiphelweni emva kokugwetywa iminyaka eyi 155 engaphaya kwezintshixo. Kule minyaka eyi 155 inkundla ikuqinisekisile ukuba kufuneka ayibethe i50 ayifince nokuba uyayifumana ingqawule kodwa u20 weminyaka abe sezenayo iphelele. Ucinge ke lo mntu sele eneminyaka eyi54 eqala esi sigwebo sakhe nje kusavakala nokuba kusekhona nolunye uthotho lwamatyala aphezu kwentloko yakhe asaphandwayo awokukhuthuza, ukuzama ukubulala kwakunye nelo kufumaneka enetyalala kulo lokudlwengula umntana wakhe oyintombazana owaneminyaka engaphantsi kweshumi nesithandathu. 

Inkundla ive ukuba la madoda phaya kwiminyaka ephakathi kuka 2018 kunye no2019 ebegqugqisa kwizithuthi zemali nokuxhomisa amashishi kwipohondo liphela ingakumbi kwindawo ibisakwaziwa ngokuba yiTranskei.     

Share This Article