Akubonakali lizakuphela ngokukhawuleza idabi lokuchongwa kweKumkani ezakungena ezihlangwini zeKumkani yamaMpondo aseMpuma, uKumkani uZanozuko Tyelovuyo Sigcau, neyakhothama ngonyaka ka2022. Nangona indlu ezibiza AmaMpondo Royal Family nekuyindlu kaMarelane, kwiveki esiyisingelayo ibambe imbizo kwiKomkhulu iHewu eNtlenzi eFlagstaff, nalapho ichonge okanye yamemezela uNkosana Yolisa Sigcau njengeKumkani efaneleyo hayi ibambela, wathiywa igama ukuba nguSilosohlanga KaDakhile Sigcau nongunyana kaZanozuko. Kodwa kubonakala kusekude engqinibeni ngomlomo kulo mba.
Umakhulu womchongwa akabonakalanga nangotshengele kule ndibano kuquka namanye amalungu aphezulu kwindlu kaZanozuko. Kwisitatimente esithe sakhutshwa yile ndlu phambi kwale mbizo iyikhabe ngawo omabini le ndibano yaseHewu isithi likhona iKomkhulu labo apho zigqityelwa khona izinto zasebukumkanini ekuyiMzindlovu okanye iNdimakude. Bekwagxininisa ukuba isigqibo esithathwe apho sifana nje nelize.
Kwelinye icala indlu ezibiza AmaFaku Royal Family, nethi yiyo enelungelo lokuchonga iKumkani, ithi yona isachonge ibambele elingu Dumelani Freeman Sigcau. Bekulindeleke idibane kule veki kwiziko lemfundo ephakamileyo eLusikisiki, nesize kwilitye lokushicilela isaqhuba intlanganiso. Kule intlanganiso eli qela lidize ukuba liyohlalela iimeko ezidla indlu kaFaku kunye nokuthetha ngebambela elathi lamkelwa ngokusesikweni njenge bambela Kumkani kwisizwe samaMpondo yiNkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane.
Kusajongwe leyo iyantlukwano, ngqi qhaphu uBheki Sigcau, othi ikhaya lakhe lise Mzindlovu naye uthi ubukumkani bobakhe noZanozuko ebeyazi lo nto, yena uthi ungumzukulwana kaMandlonke ezalwa nguNdoda Sigcau ongunyana kaMampofana intombi yaseHarding. Naye uthi apha ubuKumkani bakhe, kudala ejongile kungathethwa nyani ngamaMpondo, kodwa abeyazi. Naye ukuqinisekisile ukuba ulungisa amaphepha akhe namagqwetha apho asingise khona kukwiinkundla zamatyala.
Kwelinye icala, kancinane nje emva kwembizo yase Hewu kubonakele kumakhasi ezonxibelelwano omnye umfazi obesithi ungumaMthembu, uyinkosikazi kaZwelidumile Sigcau ongasekhoyo phaya kwamaThanzima, esithi nguye owazalela amaMpondo iKumkani enguDumezweni Zwelonke Sigcau yaye namaMpondo ayayazi kuquka noDumelani, uyaxakwa ukuva ukuba nguye ngoku obekwe nje ngebambela. Uqhuba athi kwakufanele ukuba ingene esikhundleni kwangelixa lika Zanozuko, kodwa akazi ukuba kwenzeka ntoni, babona sekuphethe yena Zanozuko. Ngo2021 uthi afika amaMpondo kubaThembu ebiza amagama ababepheleke elo gqiza kodwa aphinda anyamalala de kube ngoku. Uthi iKumkani ikhona i-ready ikungena esikhundleni sayo.
