Basabambe ongezantsi abahlali belali yaseDokodela eLibode emva kokufumaneka kwexhego elina72 yeminyaka lijinga kuphahla lwendlu yalo ngoLwesihlanu umhla we15 kuAugust 2025. Abahlali bacinge ukuba lizixhomile kanti, hayi akunjalo, koko umdala uhlaselwe wakritshwa ze emveni kokubulawa bamthatha abenzi bobubi bamqhina emqaleni ngale ntambo bebemkrwitsha ngayo batsala bamxhoma eluphahleni bedukisa umkhndo kubengathi uzibulele.
Ngokwenene ixhego lifunyenwe lijinga ngelingathi lizibulele, kodwa uThixo engaxakwa nto nje kuvelile ukuba lo mdala uqale wakrwitshwa phambi kokuba axhonywe apho kuphahla lwendlu, ze kwabanjwa obengumqhubi wesithuthi sikamadala.
Isithethi samapolisa kwisithili iOR Tambo, uCaptain Welile Matyolo ukuqinisekisile ukubanjwa kwendoda eneminyaka eyi52 nebisebenzela le nkonde iqhuba ivan yayo. Udize ukuba kuvakala ukuba le nkonde ihlaselwe ngamadoda amabini ayikhama de yabhubha nekukrokreleka ukuba ebejonge ukuthatha imali ebezigcinela yona umkhulu kwisafe yakhe. Lo ka Matyolo uthi enye indoda yesibini isagcwele amathafa kodwa esithi amapolisa asezithendeni zayo. Le ibanjiweyo kulindeleke ivele kwiinkundla zamatyala phaya eLibode kungentsuku zatywala, ijamelene netyala lokubulala kwakunye nokukhuthuza.
Yena uMkomoshoni wesithili uMajor General Norman Modishana, uthi amapolisa akazulala buhlayo ukuqinisekisa nalowo usengaphandle uyabanjwa agityiselwe ngaphaya kwezintshixo. “Heyi, bayiplane kakuhle into yabo kodwa ke yabhuntsha ekugqibeleni. Sizakuqinisekisa ukuba umthetho udlala indima yawo ngokubulawa komntu omdala kangaka ngokungenalusini,” ulebele ngelitshoyo.
