UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa, sele ethumele amazwi ovelwano ngokulahleka kwemiphefumlo eli qela kwiziganeko zemozulu ibimbi kwiphondo leMpuma Koloni ingakumbi kwidolophu yaseMthatha, ukusukela ngoMvulo. Le mozulu ichaphazele abantu abaliqela nekubalwa abantu abasixhenxe esele kubikwe ukuba baswelekile, ngelixa aboncedo lokuqala besathe bhazalala befuna abanye ekucingeleka ukuba bakhukhulisekile, okanye bavaleleke ezindlini ebezigutyungelwe ngamanzi kuquka nabantwana besikolo saseJumba.
Into ethetha ukuba inani labantu abaphulukene nobom kulindeleke ukuba lonyuke kwakhona ngokuya kuhamba ixesha. Izithili ezithwaxwe kakhulu yiOR Tambo, Alfred Nzo, Amathole, Chris Hani. Ezona ndawo zichaphazeleke kanobom eMthatha, yiMthatha West eqouka iSlovo Park neDecoligny kunye neNorwood. Kusenjalo okwangoku izidumbu ezithandathu zifunyenwe kwalapho eMthatha ngelixa esinye sifunyenwe kuTsolo. Ukukhangelwa kwemizimba kusaqhubeka. Kwelinye icala abantwana abathathu besikolo bathe bahlangulwa ngelixa elinye inani labanye abafundi ebebehamba ngetekisi lisakhengelwa emva kokhukuliseka kwale tekisi bebehamba ngayo.
UMongameli uvakalise ukuba iimeko ezinje zisazokuqhubeka zibonakala apha ebusika, lilonke abantu baseMzantsi Afrika mabahlale bethe qwa ukuze bangachatshazelwa yile meko. Uthe urhuluemente sele ekhuphe amaqela ezo ncedo ukuba kuncediswane kuhlangulo abo bachaphazelekileyo. Uqhwabele wonke amaqela athe athabatha inxexheba kuhlangulo nokusindisa iimpilo zabantu abaninzi ngelixa kusehla le ntlekele.
