Iliwa libheke umoya kwinkonde yaseNew Brighton eGqeberha kwiphondo leMpuma Koloni, unkosikazi Nomakthini Sinoria Majwabi (67), nekwathiwa ilandulele eli, de kwagximfizwa kwisazisi sayo njengo deceased. Kodwa le nkondekazi ayibhubhanga koko yintombi yayo eyalandulelayo eli.
Kule mbudumbudu usapho lukrokrela igqiyazana ebeliququzelela umngcwabo wentombi yale nkondekazi enguNolithemba Cynthia Matini (44), eyasweleka ngoNovember 2024. Usapho ludize ukuba le ntombazana eyaziwayo leli phephandaba ibisebenzela inkonzo yabangcwabi ababejoyine kuyo, kodwa umnqa wakubhubha wathathwa wasiwa kwenye i-Palour’ nekulapho kwenzeke le ‘bhidanisbook’ kwenziwa ugogo umfi, kodwa i-death certificate kamfi ibe iphume ibiza yena mfi.
Luthi nemizamo yokuba anike ingcaciso ngoku iwe phantsi kuba ebebalekana nabo okanye evela etshona. Nemizamo yeli phephandaba ukuzama ukuva ukuba yenzeka njani le mbondandimunce kweli gqiyazana iwe phantsi kuba unomyayi wayo ubukhala ungaphendulwa kwiinombolo zonke esinazo. Okukubhubha kwale nkondkazi yakwaMajwabi kodwa isaphila kwavala kwanto ngqu nemali yayo yendodla. Usizi lumi lodwa emnqamelezweni kweli xhegwazana kuba yonke into ibixhomekeke kule mali nanjengoko kungekho mntu uphangeleyo kweli khaya, okunye okwaqaba ityiwa esilondeni kukuwa phantsi nasekufumaneni izimali zemibutho owayengenele kuyo intombakhe kuba kwavela ukuba nguye umfi kwisazisi sakhe kodwa sibe sikhona isatifikethi sokufa somntwana wakhe owatshaba ngenene.
Naye ukugximfizwa kwesisazisi sakhe nje ngomntu obhubhileyo ukubone ngelixa eyakufaka amabango okungcwaba. Uthi emveni koko waya kwisibe leze khaya baqinisekisa ukuba ngenene isazisi sakhe sigximfizwe istamp sokubhubha. Oko ke esithi ebesehla esonyuka nomkhwenyani wakwakhe bezama nokufumana nentombi le bakrokrela ukuba yenza oko, kodwa de kube ngoku. Eyona nto ibuhlungu ngoku uyagula ngenxa yoxinzelelo lwengqondo akakwazi nokuhlawulela oomasigcwabane kuba ufe ehleli. Imali yakhe yavaleka kusukela kuvela oku kokufa kwahe ephila.
