Umnini wenja ethe kutsha nje yazala ikati kwindawo yaseNewrest eSterkspruit kwiphondo leMpuma Koloni ukuqinisekisile ukuba esisilwanyana siye safa kwiveki esiyisingelayo. Esi sithwakumbe sokuzalwa kwekati yinja kwethusa abantu abaninzi nkqu nomniniyo, kwaye kwavusa neemibuzo yokuba ingaba kwenzeke njani ukuze inja izale ikati.
Umnini wenja uMnumazana Zondwa Ntaka, ukuqinisekisile oku esitsho esithi ngenene esi silwanyana sithe safa. “Ndiyakrokra ukuba unina akakwazanga ukusikhusela emvuleni,” uthethe watsho.
Uthi kwaba ngumbono ongaqhelekanga ngelixa wayesithi uyojonga imibundlwane yenja yakhe, wase wazithela phezu kwekati ikhothwa yilenja, yaye kubonakala ukuba lukhona inxibelwano phakathi kwesisibini nje ngomntwana nonina.
Nangona ethi waqala wangakholelwa wacinga ukuba ikati leyo ize ngempazamo apho kuzalele khona lenja, kodwa ekuhambeni kwexesha waye wabona ukuba le kati ngeya lenja kuba ide yayithatha yayosusa apho ibiyizalele khona yaya kuyifihla phantsi kwesithuthi esele singahambi nekulapho ifele khona.
Ukuba kwenzeke ntoni okanye njani ukuze lenja izale ikati, akukho mntu waziyo kuba neengcali ebezililndeleke zigaleleke kwelikhaya zikaSPCA, azifikanganga de le ikati iyalandulela eli.
