Izibambe ngeenkophe zade zazehlela luvuyo iinyembezi inkondekazi yelali yaseMkhasweni kwa ward 16 eMbizana emva kokwamkela indlu entsha kraca ethe yayokhelwa ngumbutho wabangcwabi uSinombuso Funeral Services. Emva kokubona imeko yeli xhegwazana lo mzi wabangcwabi wathatha isigqibo sokuba uphose ilitye esivivaneni ukuze kutshintshe ubomi bale nkondekazi.
Le nkondekazi inemyaka eyi 100 enguMatshezi sithetha nawe nje inekhaya elitsha kwaye sele lifakelwe nefenitshala ngulo mzi wabangcwabi. Kule veki uthe wanikwa izikhiya zendlu yakhe ngokusesikweni ukuba angene ahlale endlini yakhe. Bekuyimincili yodwa kumakhulu. “Ndiyabulela ngobubele, kwanga nabo bathe bolula isandla kunganda apho bathatha khona. Yintsikelelo enkulu le kum nosapho lwam yaye andizange ndacinga ukuba ndingade ndokhelwe indlu kodwa ndaye ndakholelwa mhla abakwa Sinombuso beqala ukuyokha emva kokufika bathembisa ngokundakhela,” uthethe watsho. Uthe wuntshu kuye wonke umntu othe wathabatha inxaxheba ekutshintsheni ubomi bakhe ingakumbi lo mbutho wabangcwabi.
