Intombi yaseWilo, eMqanduli uLusanda Madikane (30), izelwe ichukunyiswe kukungaphathwa kakuhle kwentombazana yasekuhlaleni eyazalwa ikhubazekile. Ithe ke yathatha usiba lwayo yawa ephepheni, yabhala incwadi esihloko sayo sithi: UTOBHINI.
ULusanda ungumntwana wokuqala kowabo, ukhulele eMqanduli sithetha nje uhlala eBloemfontein. Xa echaza le ncwadi uthi ibalisa ngabantwana abazelwe bohluka kwabanye (autistic children). “Ndingumntu othanda ukubhala andibhali mabali nje, kokondiye ndichukunyiswe kokwenzekayo kwilizwe nasekuhlaleni. Ndiyathanda ke nokufunda kumakhasi onxibelelwano, ndive ukuba abantu bathetha ngantoni na,” utshilo.
Uthi, uTobhini yena usuka ekuqapheleni kwakhe ukuba abantwana bayacalucalulana ngokuba bengaqondi iyantlukwano kwindlela abadalwe ngayo. “Ndithathe impilo yakhe (ngemvume yakhe), ndazekelisa ngayo ukufundisa abanye, ukuhlinitshwa kunye namalungelo alinganayo,” uthethe watsho lo kaMadikane. UMadikane ungumfundi weeMasters, ephangela njenge Research Assistant kwiDyunivesithi yaseFree State. Incwadi yakhe iyafumaneka ku: www.siyafundaonline.co.za
