Izinto azimntak’ Gqika kwinzalelwane yaseNqadu kuGatyana eMpuma Kapa, nophinde abe ngumanejala jikelele wePremier Soccer League uAndile “Ace” Ncobo. Oku kulandela ukuvela kwakhe enkundleni ze wanikwa ibheyile, kodwa igunya bantu lezotshutshiso (National Prosecuting Authority) eKapa limemezele ukuba lizakubhena ngakwisigqibo senkundla kaMantyi yaseBellville sokunika lo kaNcobo ibheyile.
Lo obesakuba ngusompempe wePSL neFIFA, unikwe ibheyile yeR50 000 waze owakwakhe wafumana ibheyile yeR30 000. Esi sibini sijamalene nezityholo ezithathu zobuqhophololo nokugudisa imali eze ngondlela-mnyama. Ingxelo idiza ukuba, bafumana imali engange R15 million kwaPetroSA ukuze bayokwakha isikolo, ze balungise neziko labantwana, icreche ukutsho, kwalapho kuGatyana.
Kuvakala ukuba bavelisa amaxwebhu omgunyathi benza nentsayino-gama yobuxoki.Isthethi seNPA uEric Ndabazalila, uthi umbuso awuxolanga kukunikwa kwesi sibini ibheyile. Kanti ityala lona limiselwe umhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga kaCanzibe kulo yaka umiyo.
