Emva kokudula kweendaba zokuba ibanjwa uMzukisi Ndamase (46), nguye ungqondongqondo osemva kokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo (18), kwilali yase Ngobozana eLusikisiki, ngomhla we 28 September 2024, iqela leli phephandaba lithe laqala uphando olunzulu ukuba kungenzeka njani umntu osemjiva acebe ukubulala, de kube yimpumelelo.
Eli qela lifumene ukuba ngenene kungenzeka oko, kuba amabanjwa akukho nto angenayo phaya ngaphakathi, yaye amanye awo anemali ukwegqitha amadindala, futhi ke ayakwazi ukunxibelana nabantu abangaphandle kanti ngamanye amaxesha ayakwazi ukuphuma aye kwenza izinto zawo ngaphandle okanye aqeshe amagosa ezoluleko ukuba awaphathele izinto ngaphandle.
Omnye osuka ngaphakathi esingenolithi pahaha igama lakhe ukuqinisekisile oku esitsho esithi ijele yi-hotole engahlawulelwayo okanye ‘Paladesi’ uqobo lwayo, ingakumbi kwabo sele behleli ixesha elide okanye bephindaphinda ukungena ejele.
Udize ukuba kubi ejele xa uqala ukubotshwa kuba uba ‘ngumgwaja’, maxa wambi ungaphathwa kakuhle. Kodwa wakuba ne-‘connection’ okanye wakwiqela eliphambili, ukwazi nokufumana i-airtime rhoqo esuka ngaphandle, ziyajika izinto, yaye ke airtime yiyona nto ekuthengwa ngayo yonke into, icuba ukutya, izinto zokuthambisa nayo yonke into eyimfuneko kumntu ongaphakathi ejele.
Kuvakala ukuba kukhona abaqhuba amashishini okuthengisa intsangu, ithsufu ngqu neshishini lokutya. Udize ukuba sele ngoku kungene neshishini lokuthengisa izilayi zenyama yehagu nesonka esixabisa phaya koR30, yaye kukhona amabanjwa abangasakutyi ntlobo ukutya kwasetolongweni.
Uqhube wathi bakhona abake baphume bayoziyolisa nezithandwa zabo ngaphandle bathethe nepolisa elo, kanti kukwakhona nezisele apho kuthi kudibane khona ibanjwa nesithandwa salo kwalapho ngaphakathi, emveni kokuziyolisa isingqandamathe eso sikhululeke ibanjwa libuyele eziseleni. Uthi naphaya ngaphakathi akhona ama ‘phara’ kuba ikhona nethsufu nanjengoko kukhona amabanjwa ayithengisayo isuka apha ngaphandle.
Uthi eyokuba yenzeke kanjani uNtandane (Mzukisi Ndamase), aqulunqe icebo lokubulala engaphakathi amathuba makhulu kakhulu. Uhambisa athi mhlawumbi ke ngoku kunganzima ukuqhubeka nonxibelelwano nabantu ngaphandle kuba sethunyelwe eC-Max Prison eKokstad, kodwa ukuba uthe wafumana i-connection namadindala usengaphinde aqhubeke.
Ingaba ijele le yi-‘Paradise’ okanye ihotele engahlawulelwayo?
“Liyaqhuba ulusuka kwikhasi lokuqala”
UMzukisi otsala ubomi etolongweni kunye neminyaka eyi 15 ubanjwe kutsha nje engaphakathi ejele eWellington, Mthatha, ze emveni koko waquqelwa eBhongweni C-Max Prison eKokstad waya kuvela eLusikisiki kwiveki ephelileyo, ze ityala lakhe lamiselwa umhla 26 November 2024.
UNdamase ujoyina abanye asele bebanjiwe azokuvela nabo ngokubhekiselele kwindyikitya yokufa yase Ngobozana ekungo Siphosoxolo Myeke (45), naye ebesuka etrongweni owaqala wabanjwa ekhayeni lakhe eMthimde eLusikikisi nombaxa (AK 47), Aphiwe “AP” Ndende (25), Lwando Antony Abi (33), Bongani Hintsa (31), Zinande Paya (38), kunye noMawethu Nomdlembu (36).
