Kubonakala ukuza kokukhanya kwixhegwazana laseNquba kwidolophu yaseNgqeleni, oku kuza emva kokuba uceba wakwa ward 19, phantsi komasipala wasekuhlaleni iNyandeni, endwedwele le nkonde wayithembisa ngendlu yethutyana. Unkosikazi Nozamile Mgqubeni uke waphuma kweli phephandaba, libhentsisa imeko ekrakra ahlala phantsi kwayo, ehlala yedwa emva kokulahleka konyana wakhe ekuphela kwakhe.
Indlu ekrekreleyo ahlala kuyo yodaka iqhekeke iintanda ubona ngaphandle ungaphakathi, ulixhoba lemvula xa kunetha kuba ivuza yonke. Yaye kuyabonakala ukuba ingamdilikela nanini na kwezimvula zibetha ubusuku nemini.Emva kweli nqaku uceba wakwa ward 19, uMonwabisi Nomandela ngenene ulisabele ikhwelo waya ngokwakhe kwelixhegwazana, wathetha nalo ekwaqinisekisa kananjalo ukuba igama lalo libekwe encochoyini ngoku kwabazakuncedwa ngokukhawuleza.
Lo kaNomandela ukuqinisekisile ukuba nje emva kwePasika, urhuluemente uzakuza kuyakhela indlu yethutyana le nkondekazi. “Nathi singurhulumente asithandi kubona bantu behlala kwimeko ekumila kunje,” utshilo. Ngendlela ebenemincili ngayo lo makhulu emva kwezindaba ebechulmance ingathi ngumntwana ojelwe intshontsho. “UThixo esekhona siyathemba kuzokwenzeka. Ndiyabulela bantabam, uThixo aniphe amandla kwenzeke,” uthethe watsho uvuyo lubhalwe ebusweni.
