Isankxwe ngokuqeshwa kweeEAs neeGAs ezikolweni.

2 Min Read
Abazali nolutsha olathe lwaya kwisikolo Ikhwezi Lokusa eMthatha befuna ukuqonda ngendlela yokuqesha .Stock Image

Kuqhambuke isankxwe nesimbonono ngokuqeshwa kolutsha oluselungelweni lokuxhamla kwinkqubo kaMongameli welizwe yokuqeshwa ezikolweni kweeEducation Assistants (EAs) neeGeneral Assistants (GAs). Le ngqesho ibiqhubeka kwiveki esiyisingelayo kweli leMpuma Koloni. Ibange uchuku noqhushululu kubazali nakulutsha ebelufanele ukuba liyaxhamla. Kuqhambuke iity-toyi nokungena ngenkani ezikolweni kolutsha befuna ingcaciso ukuba kutheni bengaqeshwanga abalapho kukhona isikolo okanye kwiindawo ezikufutshane. Ngokwemigaqo yale nkqubo kuthiwa makuthathwe ulutsha oluhlala phakathi komgama wamakhilomitha amahlanu. 

Kwindawo yakwaNtuli kwisikolo iXesibe Senior Secondary School (SSS), kwidolophu yaseMaxesibeni (Mt Ayliff), kude kwema ngxi ukufunda nokufundisa emva kokungena ngenkani kolutsha lwendawo yakwaNtuli apho sime khona esi sikolo. Olu lutsha belukhalazela ukungaqeshwa kwalo nolwakwaNzimakhwe, ze kwathathwa abaseMbhongweni kuphela. Kule mbudumbudu kude kwabakhona abalimayo konzakaliswa nezithuthi zootitshala nekude kwabizwa nabakwantsana ukuba bangenelele.

Kusenjalo ulutsha nabazali abangqonge isikolo esiseMthatha Ikhwezi Special School bavukele kwesi sisikolo beyofuna ingcaciso yokuba kwenzeka njani ukuba bathi besondele kangaka kwisikolo kodwa kuthathwe abantwana abakude nesikolo. Ngokwemigaqo yalenkqubo kuthiwa makuthathwe oluhlala phakathi komgama wamakhilomitha amahlanu, into ethetha ukuba kulo mba waseKhwezi bekufanele kuthathwe abantwana abaphuma kwizitalato ezifana noMoses, Tyamzashe njalo njalo, kodwa kuse kwathathwa ulutsha lakoMbuqe, Bhongweni, Sitwayi nakoTyumbu. 

Ukanti inqununu yesi sikolo uMnu Mziwonke Magoswana uyicacisile inkqubo abayilandeleyo ekuqeshweni kwaba bangenielyo. Watsho ediza nokuba neencwadi zikhona yaye ziyakhokhela zibonisa indlela abayilandeleyo eyiyo. Nabazali nolutsha baye babonakalisa ukucacelwa yilo ngcaza yenqununu, bethembisa kananjalo ukuba bazakuphinda baye kuchazela abanye ukuze bacacelwe.        

Share This Article