Isithuthi esohluthwa eLusikisiki sifumaneke eSibangweni.

1 Min Read
Isithuthi esiluhlobo lwebakkie iToyota esohluthwa kumniniso ekhonjwe ngezibham.Stock Image

Isithuthi esiluhlobo lwebakkie iToyota esohluthwa kumniniso ekhonjwe ngezibham ngoLwesihlanu umhla wesithandathu (06) kuJune kwindawo yaseMcwabantsasa eMzintlava kwidolophu yaseLusikisiki sifumaneke kwiveki elandelayo kwilali yaseSibangweni eMthatha. Ixhoba elineminyaka engu42 lohluthwe le moto nonomyayi kwakunye nemali lisekhaya bambi kwenkosikazi yakhe nabantwana nabanyanzelwa ukuba balale phantsi ngezisu ngamadada amabini angaziwayo. 

Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo emva kokuhlatywa komkhosi abakwantsasana bavuke baphathelelela benkhangela esi sithuthi. Ngenene ahlale ezithendeni zayo ze umingingi lwalatha ngase Sibangweni eMthatha nalapho kubanjwe notyholwa ona 24 yeminyaka ngelixa kuvele ukuba abanye abatyholwa ebelandela esi sisithuthi bona behamba ngenye imoto eluhlobo lweVW Polo baye babhunca kodwa ezikadalawane zisemva kwabo. Lo ubanjiweyo kulindeleke avele kwiinkundla zamatyala kuntsuku zatywala ejamelene nezityholo eziquka ukuxhomisa ukufumaneka nesithuthi esixhwiliweyo.   

Share This Article