Kuvuse umnyele ukuqeshwa kweNkampani yoonogada yangaphandle iMi7, liziko lemfundo ephakamileyo iWalter Sisulu University (WSU), elizinze kwisitalato iNelson Mandela Drive eMthatha kwiphondo leMpuma Koloni, nekukhokelele kuqhanqalazo lwabafundela ukugada. Oonogada ngoLwesithathu umhla we21 kuMeyi 2025, badele imvula nengqele ibiqhaqhazelisa amazinyo bangena esitalatweni beqhanqalaza.
Kolu qhanqalazo kudule ukuba oonogada bathi bafaka izicelo zengqesho kule Nkampani, kodwa kubonakala bechwetelwe bucala, koko ise yeza nabantu bayo. Le Nkampani kuthiwa ayina offisi eMthatha, kwayona izinze eMgungundlovu, KwaZulu-Natal. Aba nogada bebesuka kwi OR Tambo iphela, babange ngelithi le Nkampani ithathe iiCV zabo ngethemba lokuba bazakubizwa baze kuviwa, kunanamhlanje abakabizwa. Obemele oonogada uInga Mbombo, efunda uxwebhu uthe bayadana xa iWSU ithatha iinkampni zamanye amaphondo, zize zona zenze umnqa zingaqeshi abantu bokuhlala, zize nabantu bamanye amaphondo.
Bathi bayakrokra ukuba le Nkampani bukhona ‘ubutshilikithi’ phakathi kwayo nabanye babasebenzi baseWSU abakwizikhundla eziphezulu ukuze ibe iyathathwa ukugada eli ziko. Bayinike iintsuku eziyi21 ukuba baphendule kwezi zityholo.Kanti olu xwebhu luthe lwamkelwa nguMnumzana Zekani, othe ungusekela mphathi wecandelo loonogada. Uthe uzakuyigqithisela kubaphathi ze baphendule kungentsuku zatywala. Olu qhanqalazo beluphantsi kweliso elibukhali lamapolisa nabezokhuseleko kumasipala iKing Sabatha Dalindyebo (KSD).
