Nantsi ingcaciso ecacileyo ukulungisa ephuma kuqala kwiphephandaba lomhla we 11 ku Oktobha ihamba nebali malunga neziko lezempilo kuTela. Saye sabhala kweliphephandaba ngelithi “UNdamase uyavuma ukuba i-clinic incinane, yaye namanani abantu abayisenzisayo enza ibe kwinqanaba lokwakhiwa kwayo ibenkulu okanye, ibe Community Health Centre.”
Ukanti ngokuseneneni lomhlathi ubufanele ubeka bgoluhlobo “Loxa uNdamase evuma ukuba i-clinic incinci, uphinde wathi amanani wabantu abayisebenzisayo akuyenzi ibekumgangatho wokwakhiwa ibeyi community health center. Sibeka ingca kulo ndawo sixolisa ngokubhala ngempazamo kulwazi ebelukwisitatimente esithunyelwe nguye uMnu Mkhululi Ndamase othethela iSebe lezeMpilo.
