Iliwa libheke umoya kubantu abadala abagcinwa kwikhaya Empilweni Old Age Home eMthatha cebukuhle nesibhedlele iBedford eChris Hani. Into eyenza imeko ibe nyekenyeke kweli ziko kukunqongaphala nokungabikho kwamanzi nekuvakala ukuba sekuntsuku kuqhubeka. Ngabantu abadala abangapha kuka100 kwakunye nabasebenzi abachatshazelwe yile meko.
Kuvakala ukuba akukho manzi akuhlamba, nangena kwizindlu zangasase kunyanzeleka ukuba amanzi aye kukhiwa emfuleni ngabasebenzi ngelixa abanye abasebenzi beziphathela amanzi emakhayeni abo. Ukuba ke oogogo benza kanjani ukuze bahlambe okanye basele kweli lilanga like laqatsela eMpuma Koloni, akwaziwa.
Umsebenzi ongavumanga ukuba lithiwe pahaha igama lakhe ukuqinisekisile ukuba imeko imbi yaye sekunethuba iqhuba yaye ichaphazela kakhulu abantu abadala abahlala kweli khaya. Ukuze kugutyulwe izindlu zangasese kufanele abasebenzi bayothutha amanzi emfuleni nalawo asetyenziswayo esuka kwi borehole akaphumi maxa wambi. Uthi inyekenyeke imeko kweli khaya yaye ibeka ubomi babantu abadala esichengeni.
Imizamo yokufumana umanejala uNkosikazi Lungiswa Gashi ukuba enze ilizwi ngale nyewe iwe phantsi nanjengoko unomyayi wakhe ubukhala wodwa ungaphednulwa amatyeli aliqela iintsuku de zambini ezanywa leli phephandaba.
