Khazi kwakwenze njani ukuze adlwengule imveku ena 13? 

1 Min Read
uMarvyn Stephen Lottering (48) uvele watsibela umntwana ongaphantsi kweminyaka wayidlwengula.Stock Image

Owebala waseLusikisiki uthiwe nka ngobom ezamla kwezimnyama zona izisele emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula imveku eneminyaka nje elishumi nesithathu (13). Le ndoda inguMarvyn Stephen Lottering (48), iyabukeka uyijongile ebusweni akungawo la madoda ekuthiwe indoda intliswa ziinkomo zayo, uzibuze ke ukuba kwakutheni avele atsibela umntwana ongaphantsi kweminyaka, kuba uyijongile nje nalapha ebusweni akundoda efanele ukushumaneka. 

Phambi kokuba imgwebe inkundla ive ukuba ngomhla ka31 kaDisemba 2018, le ndoda yahlasela ixhoba eli lithunywe espaza shop ze yalidlwengula. Lo kaLottering wathi wabanjwa ngomhla wokuqala (01) kaJanuary 2019, nowavela enkundleni ze wakhululwa ngebheyile yeR1000. Ebemane eqhuqha ebuyelela ke ezinkundleni ephika kodwa iincidi nezinye izinto ezathi zathathwa nezaba bubungqina zayibophelela le ntsizwa khonukuze ibe iyagwetywa ke ngoLwesibini umhla we 12 kuAuagust 2025, ze negama layo lafakwa kwiNational Register for Sexual Offenders (NRSO). 

Kwelinye icala uMkomishoni wesithili uMajor General Norman Modishana ukuqhwabele izandla ukugwetywa kwale ndoda esethulela umnqwazi nobephanda eli tyala u-Sergeant Qulu wePort St Johns FCS Unit nodibanise ubungqina obukhokelele ekufunyanweni inetyala. 

KwaseLusikisiki njalo, ngokuka Captain Welile Matyolo  ngoLwesithathu umhla we13 kuAugust 2025, kubanjwe indoda eneminyaka ena55 kwilali yaseSikhulu eMantusini ngetyala lokudlwengula umakhelwane wayo ophazamiseke nghokwasngqondweni. Le ndoda kulindeleke ivele kwiinkundla zamatyala kungentsuku zatywala.

Share This Article