Bashiyeke bekhexe imilomo eGqeberha kubanjwa umfundisi otshate nodadebo ntombazana ibilahlekile yafunyanwa ibhubhile, uLithaliyanda Ntini (12). Usibali lo notshate nodadebo mfi kuvakala ukuba ucele intombi le ngelithi basoqokelela okuncane edolophini, kanti endleleni uzakuyivukela esisiswini okotywala, nekuvakala ukuba wayidlwengula emveni koko wayibulala ze isidumbu sayo wasishiya kwelo hlathi ebesenza kulo elo nyala.
Iingxelo zidize ukuba emveni koko ebuyele ekhaya kusisi wale ntombi ekungumkakhe ezenza omaphikana ukuba uLithaliyanda ulahlekile etown yaye okumphatha kabuhlungu kukuba unomyayi wakhe uvaliwe. Nosisi wamaphikana kuba kubi phandl’ apha wabikela amapolisa ngokulahleka kukadade wabo, ngenene kwasasazwa ukulahleka kwakhe. Kodwa kuvakala ukuba usibali ebengakuboni ubuthongo kusa ejamile nto leyo ikhokelele ekubeni azise ngokwakhe emapoliseni kwiintsuku emva kwesi siganeko, de waya kuwakhombisa amapolisa apho alahle khona isidumbu.
Ubanjiwe ke uSonwabo Nqayi (39), ze wavela okwethutyana phambi kwenkundla kamatyi eMotherwell, ityala lakhe lamiselwa uMvulo umhla we7 kuJuly 2025.
