Kudutyulwe kwabulawa owasetyhini apho kwakhulela u-Mandela

Ulwaphulo-mthetho eMpuma Koloni lwandele, yaye lweqe uphungela ngokwakhe, futhi ke alusakhethi ukuba kukwabani, imbali ithini, oonqevu bangena benze unothanda qha. Oku kulandelela ukudutyulwa kubulawe inkonde yasebukhosini uMamu uNogcinile Mtikrakra kwindawo yase Mqhekezweni nekulapho isiswenye nomongameli wokuqala omnyama kuMzantsi Afrika omanyeneyo, Ugqirha Nelson Rholihlahla Mandela wathi wakhulela khona.

2 Min Read
Kudutyulwe kwabulawa owasetyhini apho kwakhulela u-MandelaPicture Supplied

Ulwaphulo-mthetho eMpuma Koloni lwandele, yaye lweqe uphungela ngokwakhe, futhi ke alusakhethi ukuba kukwabani, imbali ithini, oonqevu bangena benze unothanda qha. Oku kulandelela ukudutyulwa kubulawe inkonde yasebukhosini uMamu uNogcinile Mtikrakra kwindawo yase Mqhekezweni nekulapho isiswenye nomongameli wokuqala omnyama kuMzantsi Afrika omanyeneyo, Ugqirha Nelson Rholihlahla Mandela wathi wakhulela khona.

Ngokwengxelo yamapolisa, uNogcinile udutyulwe phaya ngezithuba zecala emva kwentsimbi yokuqala xa kuzosa, emva kokumbonzeleka kwamadoda amabini ejuwuzisa izibham amdubula lahlanza iselwa. Akuphelelanga apho kwangobo busuku bunye bangoLwesibini ngezithuba zenstimbi yesithathu kuphinde kwangenelwa amantomabazana asibhozo e-‘gxamesini’ kwalapho eMqhekezweni esikolo i-Jongintaba Senior Secondary kwadlwengulwa amathandathu kuwo kwathathwa imali yonke, oonomyayi abasibhozo nabathe bahlohlwa kubhaka weencwadi zesikolo, ze la madoda amabini aphela emehlweni ekuzeni kokusa kwangoLwesibini phaya kwizithuba zentsimbi yesibini.

Ukuza kwethu kwilitye loshicilelo ingquba lamapolisa beliku la ndawo kuphicwa abenzi bobubi nokuzama ukubheka ukuba ezi ziganeko ziyahambelana na kuba kuzo zozibini kubalwa amadoda amabini ebezogqume ngothulandivile ubuso. Umphathiswa wentsebenziswano eburhulumenteni nezamasiko ephondweni, uZolile Williams ukugxibhe kabukhali oku, etsho esithi le yokudutyulwa kwabafazi ngoonqevu abangelusini mayifikilele esiphelweni, yaye abakwantsasana bangayishiyi kwanto kuphando lwabo ukuze kubanjwe ezi zijem-jem zingenantlonipho zigqiba abafazi.

Esi siganeko silandela ezininzi kweli phondo apho kubulewe abantu abaninzi inani eliphezulu kulelasetyhini. Sele kubanjwe abantu kwezi ganeko zakustha nje ekuquka esase Lusikisiki, Qumbu, Bityi naseGqeberha. Amapolisa ukuza kwethu ebesaphica abenzi bobubi kwesi saseMqhekezweni.

Share This Article