Kudutyulwe umfundi, kutyholwa ipolisa, kodwa kwabanjwa omnye umfundi.

2 Min Read
Ongasekhoyo nekutyholwa ukuba udutyulwe lipolisa uXolile Dlamini wakwaMpisi eMbizana.

Izinto azimntaka Ngqika kwiziko lemfundo ephakamileyo iKing Sabatha Dalindyebo (KSD) TVET College kwigatya eliseMapuzi kwidolophu yaseCoffee Bay, kulandela ukudutyulwa kubulawe umfundi, kutyholwa ipolisa, kodwa endaweni yokubanjwa kwepolisa elityholwa ngoku kuse kwavele kwabanjwa umhlobo kamfi nekuthiwa ebekunye naye wabekwa uthotho lwamatyala aquka ukuxhomisa, ukuqhekeza, ukuzama ukubulala, ukuxhwila kunye nokufumaneka nommpu ongenamaphephamvume. Kodwa abanye abafundi nabazibonelayo ngamehlo bathi lo ubanjiweyo wayengenammpu sisi ‘aram’ nje esidyonjwa ngobubende inyama singayidlanga. Amarhe athi lipolisa eladubula umfi kubangwa intombi nekhe yabonakala intombi le ijuwuzisa lo mmpu isoyikisa abanye kwindawo yentselo. Kudule ukuba ibiwunikwe kwalilo ipolisa eli ebelingekho msebenzi ngelo xesha, ekuvakala nalo ukuba likwasisinqandamathe sentombi le. 

Kodwa ngokwengxelo athi amapolisa ayekhangela abaqhekezi kodwa afika kubantwana besikolo ndaweni ithile akhalisa ‘isibhaxu’, emveni koko kuvakala ukuba aya apho kuhlala khona umfi nobesenza uN5 kwicandelo lokupheka (Hospitality). Ingxelo idiza ukuba umfi uXolile Dlamini wakwaMpisi eBizana, amapolisa la amfumana elele, nekuvakala ukuba afika abhodlisa izulu lezandla bemtyhola nje ngomnye wabo nqevu bebebafuna, ze itshoba lalala umbethe sele esesibhedlele. Emveni koko kwabanjwa ekuvakala ukuba ebengumhlobo wakhe uYondela Mcotsho (24) , noke wathi tshe kwinkundla zamatyala ezama ukufumana ibheyile, kodwa isicelo sakhe ukuza kwethu kushicilelo besingekaphunyezwa nepolisa eli lityholwa ngalo mkhwa lingekabanjwa. 

Bezisaqhuba ke iindibano phakathi kwabafundi, inkosi yendawo negqiza layo, iinkokheli zeziko eli kwakunye neziphathamandla zamapolisa. Nawo amapolisa alile ukwenza ilizwi ngokubhekiselele kulo mba nanjengoko athe usephantsi kophando olunzulu.  

Usihlalo webhunga elimele abafundi, Student Representative Council (SRC), uVakalisa Ndzuthu uthi sele beyibhalile incwadi abayithumela kwabaphetheyo esipoliseni ukuba kwenziwe uphando olunzulu ngale nyewe de kucace ukuba ngulo mfundi na nokuba lipolisa elenze le nto. Eyigxininisa into yokuba abakholelwa ukuba esi senzo senziwe ngulo mfundi ungaphaya kwentshixo. Umfi uXolile Dlamini kulindeleke ukuba abekwe kumadlaka oyise mkhulu ngomhla we15 kwimpela veki esikhangele kuyo kwindawo yakwaMpisi eMbizana.

Share This Article