Kugwetywe ikhankatha elatywatyusha umkhwetha.

1 Min Read
Lizakuthothoza iminyaka emibini ikhankatha uSiyasanga Sifumba (30), emva kokugwetywa kwakhe yinkundla kamatyi eTsomo esoyanyaniswa netyala lokubetha kanobom umkhwetha ngonyaka ka2024, owayephantsi kwelihlo lakhe.Stock Image

Lizakuthothoza iminyaka emibini ikhankatha uSiyasanga Sifumba (30), emva kokugwetywa kwakhe yinkundla kamatyi eTsomo esoyanyaniswa netyala lokubetha kanobom umkhwetha ngonyaka ka2024, owayephantsi kwelihlo lakhe. Inkundla iphinde yamyalela ukuba angaphinde abonwe ephethe isibham ngesakhe isandla. 

USifumba wabanjwa ngomhla we17 kuDecember 2024, emva kokungeniswa buphuthuphuthu komkhwetha owayephantsi kweliso lakhe owaneminyaka elishumi nesibhozo (18). Kuvakala ukuba okubetha kwathi kwaqhubeka amatyeli amathathu kwiindawo ezahlukeneyo nalapho kwakusetyenziswa iintonga ekubethweni kwalo mkhwetha. Ebethwa apha emadolweni, ekhatywa ngamagalibhuntsi, ekwagrogriswa ngombese. Kuvakala ukuba ubhuti omdala wexhoba wakubona oku nalapho kuvakala ukuba uSifumba waphinda woyikisa ngokubulala esi sisibini ukuba sike sayithi vhuu. Ngenxa yokuxhatshazwa kuvakala ukuba ixhoba alizange libe sakwazi nokungqiba kweso sikolo solwaluko. Kwale nokuba uSifumba sephikisa enkundleni ukuba wabetha ixhoba esithi wabethwa ngabafazi abadala ababefika ebusuku kubonakala ukuba baze kumthakatha. 

Umqondosi kwigunyabantu lezotshutshiso kweli phondo u-Advocate Barry Madolo, usiqhwabele izandla esi sigwebo watsho esisithi siyakuba sisifundo nakwabanye abasazimisele ukuxhaphaza abakhwetha kwizikolo zolwaluko.

Share This Article