Bekungathi yifilim kwindlela uR61 phakathi kweLusikisiki neSajonisi phaya ngakwilali yaseNtafufu ngoMvulo umhla we24 kuNovemba 2025, kukhala udududu noqhwaqhwa ngelixa amapolisa enukiselana ngerhuluwa namadoda amabini ekutyholwa ukuba ngabathengisi ziyobisi ebebesingise kwidolophu yaseSajonisi, lawo madoda omabini adutyulwa lwangcola ungele same time. Kanti elinye kula mapolisa lisinde ngezikasibi nanjengoko lithe lakhuselwa sisikipha sokuzikhusela kwimbumbulu ngelixa bezama ukulibhoboza ngembumbulu esifubeni, kodwa yangakwazi ukuphumela emzimbeni seso sikhuseli.
Ingxelo ngokwesithethi samapolisa ephondweni u-Lieutenant Colonel Siphokazi Mawisa idiza ukuba la madoda ebehamba ngesithuthi esiluhlobo lweVW Polo eluhlaza inganazo iinombolo mbhalo ngasemva, nekudizwe ukuba aneziyobisi kwaye asingise kuma customer awo eSajonisi. Alandele amapolisa azama ukumisa isithuthi esi suka la madoda ababeleka abasicatya ngesithuthi eso kwaleqwana akaphelelanga apho koko aphinde adubula ejolise emapoliseni kanti azithezela olunenkuma, lakrazuka ibhayi bazama ukogqitha kwindawo engafanelekanga esinye isithuthi ngendlela yokuvalela amapolisa kodwa bakha phantsi isitya sizele athi silapha amapolisa satsho isibham zabheka phezulu ngokukhawuleza iintshabe zantinga ezandleni izibham.
Akukho polisa lonzakeleyo ngaphandle kwelo lirhetshwe yimbumbulu esifubeni lasindiswa sisikhuseli. Sekusetshwa ngenene kufumaneke ummpu oluhlobo lwe9mm pistol sele kujeme ikhoba lembumbulu kwakunye nenymabalala yeziyobisi. Kuyaphandwa yaye lo mba sele uthunyelwe nakwi Independent Police Investigative Unit (IPD), nayo yenze olwayo uphando. Kwaba kuphela njalo ke ngamadoda ePolo, ukuza kwethu kushicilelo bekusakhangelwa izelamane zala madoda.
