Ibiqale yangathi iqhubeka kweza dolophu zinkulu zephondo leMpuma Koloni, ezifana nooBhayi, Mthatha nezinye into yokuxhwilwa koosomashishini, abantu bangaphandle kunye nabantu abafumileyo, kodwa ngoku kuyabonakala ukuba seyifikile nalapha kwiilali zezi dolophu zincinane.
Kulandela isiganeko sokuxhwilwa kwasomashishini ebegqiba kuvala ivenkile yakhe kwilali yaseMsukeni, waxhwilwa emveni koko, kodwa waya kufunyanwa kwilali yase Njijini kwaBhaca. Kuvakala ukuba le ndoda ixhwilwe ngelixa ihamba ngeenyawo isuka kwishishini layo isiya kuMain road (N2), nekulapho ibilindwe ngumfowabo. Ingxelo ihamisa ethi ulinde iyure eziliqela ubhuti engaveli ndawo de wahlaba umkhosi amapolisa athi bhazalala nekuthe kwafumaniseka ukuba uxhwiliwe kuba abaqweqwedisi bebenyanzelisa imali ezitshisweyo ukuze akhuululwe.
Kungenenlele neenkcali kuqweqwediso ukuzama ukuba kufumaneke lo ebexhwiliwe de bakwazi ukumfumana umkhondo apho afunyenwe umzini uthile kwaBhaca kwabanjwa indoda eneminyak eyi48, efunyenwe ihleli nalo ebexhwiliwe. Uphando lusaqhuba nanjengoko kunenkolelo yokluba basebaninzi abandyobheka kweli tyala ngelixa obexhwiliwe ethe wahlangulwa ngaphandle kokonzakala.
