Isebe lezeMpilo ephondweni liqhuba uphando lwangaphakathi emva kokufunyanwa kwamagosa amabini eqhuba iinqwelo zikarhulumente ezitshize ngegqabi likalonji (utywala).
UCamagwini Mavovana, osisithethi sesebe ukugqinile ukubanjwa kwala magosa mabini. “Isebe lisaphanda iinkcukacha malunga nezi ziganeko zibini, yaye emva kokuba zifunyenwe kuzakuthathwa amanyathelo,” utshilo uMavovana.
Kwelinye icala umbutho weDemocratic Alliance (DA) uthi, umphathi obambeleyo we-Forensic Services, uRonnie Malandela, wabanjwa kuGatyana emva kokuba etshayise ngemoto karhulumente kutyholwa ukuba wayephantsi kwempembelelo zotywala. Kusenjalo omnye umsebenzi weForensic Pathology, uLuyolo Matutu, wathi wabanjwa eSteynsburg ngokuqhuba imoto karhulumente enxilile, nangokubetha igosa lezendlela elingumntu wasetyhini.
Nangona kunjalo isebe lezempilo kweli phondo lithi loyakukhaba ukusetyenziswa gqwnxa kweenqwelo zikarhulumente, kwaye xa kufumaneka ukuba ubani, unetyala kufuneka efumene isohlwayo.
