Iya isanda iyantlukwano noqhekeko, yaye kubonakala kunzima ukufikelela kwisisombulo kwisizwe samaMpondo aseMpuma ngokubhekiselele ekukhethweni kweKumkani ezakulandela eyakhothama ngo2022, uKumkani Zanozuko Sigcau. Kwathi kwatyunjwa unina weKumkani, uKumkanikazi Nobandla Sigcau, abambele kuba oonyana beKumkani besakhasa.
Ibe ninzi ke ‘iwishiwishi’ emva kokusweleka kweKumkani nekwade kwanda nezindlu zobukhosi bamaMpondo, kwaqhuqhwa ezinkundleni, de kwakhwetywa noKomishoni ezakuphanda ngeyona ndlela mayilandelwe, nayo yeza neziphakamiso, kodwa konke oko kubonakala kubuye noboya bentenetya kuba imbudumbudu isaloko ithe chu kwindlu kaFaku.
Kungoku nje kunezindlu ezimbini nangona bezike zaliqela kusekutsha ukukhothama kweKumkani, ezaziquka eyokuqala Isilili okanye Core Royal Family eyayilwa ngomhla we5 July 2022, kwalandela eyesibini ekwakusithiwa yiMarhelane Royal Family. Eziphilayo ngoku AmaMpondo Royal Family, kunye na AmaFaku Royal Family, yaye zombini zithi zinelungelo lokwenyula iKumkani elandelayo okanye ibambela. AmaFaku Royal Family athi elayo ibambela nguNkosana uDumelani Freeman Sigcau nabathi wamkelwe nayiNkulumbuso yephondo ngelixa enye AmaMpondo Royal Family, isithi ityumba yaye ihamba nonyana kaKumkani ongasekhoyo uYolisa Zululiyazongoma Sigcau. Kule veki le ndlu ikhuphe umpoposho imemela abeendaba, Ngomngqibelo umhla we10 kuMay 2025, kwiKomkhulu iHewu eNtlenzi eFlagstaff nekulapho idize ukuba yona izakuchonga iKumkani.
Kanti emva kwesi simemezelo kuthe thuu indlu kaZanozuko kaZwelidumile kaMandlonke, ibihamba nale ndlu yamaMpondo Royal Family isikhaba ngawo zombini esi simemezelo isithi ayazani na lo nto, yaye yona ayinankundla iseHewu izinto zeKomkhulu zenzelwa eNdimakude okanye eMzindlovu. UKumkanikazi uNobandla Sigcau kwisitatimente, uthe iingxoxo ezidibanisa ubuKumkani kufanele kulandelwe isiko kuqukwe Indlu enkulu, eyenziwe lusapho lweKumkani engasaekhoyo, emveni koko sesingathathwa isigqibo. Uthe kule ndibano yaseHewu ayikho indlu enkulu okanye ayinalwazi yaye namalungu aphezulu akomkhulu akakhange ayiphumeze ngokusesikweni. Uhambise wathi yonke into eyakuthi ithethwe okanye kugqitywe ngayo kule ntlanganiso ifana nje nelize.
Kusenjalo Amafaku Royal Family, wona amemezele ukuba nawo azakubamba indibano ngomhla we15 kuMeyi 2025, eLusikisiki Training College of Education College nekulapho esithi azakuba ejongene nemicimbi edla ubukumkani bamaMpondo kwakunye nokwamkelwa kukaNkosana uDumelani Sigcau ngurhulumente njengebambela Kumkani. UNkosana Mbasa Sigcau uyagxininisa ukuba babo AmaFaku Royal Family abanelungelo lokutyumba xa kunofanele kungene iKumkani emva kukaZanozuko, yaye abanalwazi ngembizo yaseHewu nentetha kaKumkanikazi uNobandla.
