Kudizwe ukuba belikwelona nqanaba liphezulu lokuqhunywa, yaye lindlongondlongo ityendyana lomfana (24) waseFlagstaff, eMpuma Koloni, ogwaze wabulala amalungu osapho amathathu, ze elesine ixhoba lonzakala ngokumasikizi nekuvakala ukuba kombulwa kusembeswa kulo esibhedlele. Esi siganeko nekulapho kubhubhe abasetyhini abathathu abaphakathi kweminyaka eyi20 ukuya ku95 senzeke ngoMvulo wale veki, 23-06-2025, kwilali yaseNqayimbana eSiphaqeni kwidolophu yaseFlagatsff.
Kuvakala ukuba bekunzima nokuba abanjwe ngamapolisa lo mfo kuba iziyobisi bezisazenzela engqondweni, kodwa ekugqibeleni ubanjiwe nekulindeleke avele kwiinkundla zamatyala kungentsuku zatywala kwaphaya kula dolophu. Kwelinye icala kusalindwe nohlolo lwengqondo ziingcali ukuba kanye kanye engqondweni yale ndoda kwenzeka ntoni.
Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo, uthi eli tyendyana liqale lahlasela usisi walo ona20 yeminyaka kunye nomama walo ona50 ubudala, nobahlabe itshoba lalala umbethe ngoko nangoko. Kuvakala ukuba akagqibelanga apho koko uqhubelekile waya ebumelwaneni nalapho afike wahlaba wabulala inkondekazi ena97 yeminyaka, kanti indoda ena47 ekuthiwa sisinqandamathe sikanina, yona isinde ngezikasibi kodwa ilele ngandletyananye esibhedlele. UCapt Matyolo, uthi ayikaziwa imbangela yoku kodwa amapolisa asaphanda.
