Imbalasane yomdlali weqonga, nebikwayimvumi kwanombhali u-Chief Vuyisile Oscar Mgudlwa (50), nobesaziwa ngelikaMadluphuthu ubekiwe ngoMgqibelo esiwusingelayo umhla we26 July 2025, kumadlaka aseCrystal Park, Ekurhuleni. UMadluphuthu ebeyinkosi umThembu obhuzubhzu kwabebengamazi, yaye yinzalelwane yephondo leMpuma Koloni, nangona nje engcwatyelwe eRhawutini. Uswelekele esibhedlele eSouth Rand, emva kwengulo emfutshane ngoLwesithathu, umhla we16 kuJuly walo nyaka.
Yinkungu nelanga ibize kulilisana nosapho kuquka abalandeli nabesebenza nabo kwinkonzo ibiqhutyelwa eOasis Of Life Family Church, eDaveyton.
UGift Motaung Womkhonto Wesizwe Creatives, uthe iintsapho zabadlali beqonga, nezemvumi mazingabalahleli izandla abo bantu, mazibathande. “Xa abantu besibona kumabonakude bacinga ukuba senza imali eninzim kanti thina sibhatalwa phambi kokuba umdlalo uvele kumabonakude. Oko ke kubangela ukuba kuthi kuvezwa umdlalo babe abadlali sele bengenamali. Abadlali abaninzi bade babenoxinxelelo engqondweni,” utshilo.
Lo kaMgudlwa ebesebenza phantsi kwabashicileli bakwaBlack Brain Production, noshiye ngasemva abantwana abane intombi enye namadodana amathathu. Sona isithethi sekhaya uChief Somakhonkco Mgudlwa ophuma kwilali yaseQhumanco ubalule ukuxheleka komphefumlo belusapho kuba uVuyisile lo ebeyinkulu yabaThembu. “Xa ebekhona phakathi kwekhaya uChief Vuyisile besiqinisekile ukuba sizakonwaba kukuhlekiswa nguye. Umntu ongasoze umve esithi “nxa” enntwini,” uthethe watsho uSomakhonkco. Ukanti ke nonyana wakhe uAsanda Mgudlwa, uke wabonakala kumakhasi ezonxibelelwano egxininisa ukumthanda kwakhe utata wakhe ongasekhoyo.
