Sele kuhlatyelwe mgama nombono wokwakhiwa kodederhu lwevenkile kwindawo yaseSidakeni kwilali yaseSilindini eMacwerheni kwidolophu yaseNtabankulu. Le ndawo ikumgama olinganiselwa ku40 weekilomitha ukusuka kwidolophu yaseNtabankulu ukuya kuyo.
Ukucaca kwecala ngolwakhiwo lwale mall kudule kwintlanganiso yakutsha nje, apho uluntu luvume ‘ngohelethu’ ukuba bayayifuna imall kula ndawo kuba lo nto ingabutshintsha ubomi babo nolutsha luphela. Ngusomashishini wasekuhlaleni ebambisene nabanye oongxowa abasuka ngaphandle abathe babona umhlaba kule ndawo bacinga ngokuzakutyala kuyo.
Unkosi Zweloxolo Siyoyo, ukuqinisekisile oku, esithi umhlaba abazakuthi bawusebenzise kolu phuhliso ubusakuba lidlelo yaye wawuvele ubekelwe bucala izinto zophuhliso. “Sele sizihambile zonke iindawo kuquka nasenqileni, savumelana. Naba somashishini bafikile nanjengoko babethembisile bazakuhlanganisa iintloko noluntu. Noluntu kule ntlanganiso luvumile ukuba imall luyifuna shushu. Silinde ngoku ukuba baphinde babuye sekuzodityaniswa namasebe karhumentene achaphazelekayo nomasipala, nendicinga ukuba iyakuba kuyintlanganiso eyakuba ingumkhomba-ndlela ukuba kuyiwa ngaphi”, uthethe watsho. Uthi eli phulo kulindeleke ludale amathuba amaninzi emisebenzi ebantwnini bala mmandla ukuqala ekwakhiweni kwayo de iyekugqitywa, nekuyinto eyakuphinde ikhuthaze abantu bavuke bazenzele kule misebenzi ingekhoyo.
