Lishumi elinesihlanu (15) abantu ababhubhe kwingozi eyenzeke ebusuku ngoMgqibelo esisuka kuwo umhla wesithathu kwinyanga kaApril 2025, kwindlela uR63 phakathi kwaseAdelaide naseMaqoma, eyayisaziwa ngokuba yiFort Beaufort ngaphambili.Isithethi sesebe lezothutho, uMnu Unathi Biqose, sithe le ngozi yenzeke ngethuba kungqubana iimoto ezimbini, iToyota Quantum ibisuka kwidolophu yaseQonce kunye nebakkie eluhlobo lweIsuzu (Double Cab).
UBinqose udize ukuba le Quantum ibilibangise eKapa ngelixa kusehla esi sehlo, lo gama yona iBakkie ibisuka eAdelaide isinge eMaqoma. Uhambise wathi umqhubi weIsuzu ubhubhele kwindawo yesehlo, kanti abakhweli beToyota Quantum abalishumi elinesithathu nabo badizwe nje ngababhubhule kwindawo yexhwayelo.
Kanti abakhweli abathandathu babalekiselwe esibhedlele nalapho omnye kubo esweleke ekufikeni kwabo, lo nto yenza ukuba inani labaswelekileyo laya kwishumi nesithandathu.Ityala lokubulala ngokungenanjongo (culpable homicide) livuliwe emapoliseni yaye liphantsi kophando.
