Kubonakala iliwa libheke umoya kubasebenzi abalinganiselwa kumashumi amathathu (30) benkampani ibishishina ngenyama kwikona yesitalato iElliot kunye neYork Road eMthatha nebiziwa ngokuba nguOBC. Le nkampani iqale ukushishina kule ndawo ngomhla we17 ku-January ka2015, ifika kwisigqibo sokuvala nje kulo nyaka.
Oku kulandela ukumemezela kwayo ukulahla phantsi kolu shishino nokuvala kwayo kula ndawo. Kuvakala ukuba le venkile yenyama igqibe ekubeni ivale nanjengoko ikhala ngokungenzi ngeniso kula ndawo nokuthiwa mbede luqhekezo ekukhokelele ekubeni kungabikho ngeniso. Kunyaka esiwusingelayo kuvakala ukuba le venkile yamebethwe kakhulu luqhekezo ekukhokelele ekubeni kulahleke izityhwentywe zemali.
Kanti eli phephandaba sele liwabonile amaxwebhu athe abhalelwa abasebenzi ebazisa ngesi sehlo. La maxwebhu athe asayinwa ngumanejala wale venkile uMnu Fabia Dorman nazisa ukuba le venkile ingavala ngomhla ka22 February 2026 okanye phambi kwalomhla. Nabanye abasebenzi bakuqinisekisile ukufumana le mbalelwano bediza nokuba basaqhuba iindabano nale nkampani kwakunye neemanyano zabasebenzi.
Eli phephandaba likwarhabule ukuba sele inyama nezinye izinto zithuthiwe eYork Road zasiwa kwigatyana elise Circus Triangle kwalapho eMthatha. Aba basebenzi bakwakhala ngokungabi nafeya kokukwaziswa kwabo kuba abanikwanga xesha lonele nje ngabantu abanokujamelana nodendo.
Kuyavakala ukuba nabasebenzi sele bezifumene ezi ncwadi ezidize oku yaye intlanganiso yokugqibela nenika umkhombandlela wokuphela kukaOBC eMthatha kulindeleke ukuba ihlale ngaloLwesihlanu wale veki emva kokumiswa amatyeli aliqela.
