Ligqityiwe ‘ipomakazi’ elabanga ingxokolo kumakhasi ezonxibelelwano.

2 Min Read
Lipomakazi lendli eli like labanga ingxokolo kumakhasi ezonxibelwano ngoku ligqityiwe.

Eli ‘pomakazi’ lendlu like ‘latrenda’ okanye lathi ndii kumakhasi ezonxibelelwano lizinze kwilali yaseMahedeni kwidolophu yasemaXesibeni (Mt Ayliff), entla kwehlathi kuMabhongwana. Kuke kwathethwa ngale ndlu abanye beyilahla beyikhomba kwiindawo ngeendawo abanye besithi ngekaNgizwe Mchunu ngelixa abanye bebebuza ukuba izakuxhonywa njani, bakhona nababesithi izakuba yihotele. Ike yaphinda yakhutshwa kula makhasi ingekaxhonywa, kodwa kuncanyathanyiselwe amaphahla engangawo njengokuba ngoku seyinophahla lwayo igqityiwe nokuxhonywa. 

Kodwa ke uMnu Maliviwe Mdingi onguMiya isibongo unazo zonke ezo mpendulo nenjongo yakhe yokwakha le ndlu. Ngumzi wakhe wesibini nowokhe eyinqununu kwisikolo samabanga aphantsi iMyengwa eSigidini, omnye umzi wakhe ungaphesheya kweli ‘pomakazi’ lakhe litsha, yaye uthi uzakuhlala nabantwana bakhe kulo mtsha kuba into edale wawawakha kungabikho kwendawo eyaneleyo kulo umdala. Uwuqale ukuwakha emva kweCovid ngonyaka ka2020, yagqitywa udonga xa kuphela u2021, yahlala ke ithuba elide ingaxhonywa. Uthi zonke izinto ezazithethwa ngale ndlu azizange zimenzene nto kuba wayeneplani ekokheni yona. “Ndiyakha nje ndiyititshala, ezaziwa ngokuhlupheka nokungabinamali, kodwa ke thina asizizo ezi kuthiwa ziyahlupheka ukuba zikhona kodwa ke andiqondi ukuba zikhona ezihluphekayo. Kuba mna ndazi iititshala ezinemizi, ezifundisa abantwana bazo kwizikolo eziphezulu ezineemoto. Ndiwakhe lo mzi ndiyilotitshala yaye andinamali endiyifumene kwenye indawo bendizakhela out of my salary ndibeka imali ngendlela endiyibeka ngayo nootitshala balapho bendisebenza khona bayandazi ngokubeka nokwenza imali ndisandisa kweyo ndiba ndiyifumene. Indlu ngoku ndisekuyigqibeni yaye ndiyavuya kuba kudala kuthethwa ngayo, ndizakuhlala kuyo ke soon nabantwana bam akuyo BnB, akusosibhedlee akusosikolo yindlu yam nabantwana bam,” ulebele ngelitshoyo. Sithetha nje le ndlu kwenziwa iitouch ups kufakwa neengcango namafestile kwezondawana zisashiyekile kwaye iyaliyita xa ugqitha khona ebusuku kungangathi ugqitha edolophini ibetha ngezi bright izibane ezi.

Share This Article