Iqhula nelaziwa kakhulu kumakhasi ezonxibelelwano, neliyinzalewane yase Mpuma Kapa, uLuvo ‘Dani’ Daniso lizityanda igila ngobomi balo bokukhula nzima. Uthi amaxolo e-orange yayiba sisidlo sakhe semini yonke ngezinye imini.
Wayencedakala kakhulu xa kukho abakhwetha nanjengoko wayeyihamba yonke imizi, injongo kukufumana okuya phantsi kwempumlo. Iimpuku ezi kwasele kungabahlobo bakhe kuba wayesitya ukutya okubolileyo kwakunye nazo.
UNtshiza nanjengoko esaziwa njalo uthi waqala eneminyaka elishumi ukuzizamela ukuba alale etyile. Oku kwalandela emva kokusweleka kukamakazi wakhe kuCentane, nokutshipha kukanina eMonti, ze washiyeka yedwa kuCentane. “Nangona ekhaya kukwilali yase Luthuli eTsomo, mna ndikhulele kwamakazi eQombolo kuCentane.
Wasweleka umakazi, wagula umama kurhaneleka ukuba udlisiwe. Wathathwa waya kulaliswa esibhedlele eMonti ekhatshwa ngutata owayencuma naye, bendishiya ndindodwa, kwabe ke kukumgqibela kwam ngolo suku wayesiwa esibhedlele eMonti,” uthethe watsho. Kusukela ngelo xesha lo kaDaniso wayelala etyile ngokumana eyokuzozelisa kwimizi eQombolo, ejonge ukuba kude kuphakwe.
Maxa wambi ayekuba umbona nemifuno kwiigadi zalo lali, efuna ukugxotha ikati eziko. Waye lelosizana limana kuya esikolweni lingatyanga ngamanye amaxesha, “Ndandimane ndisiya esitophini sebhasi ndilinde ibhasi, ndinethemba lokuba umama angehlika, kodwa ndibuye ndiphaca,” uthethe watsho.
Emva kokuntlitheka nokuntlaleka nokuphuma engena emajele, wade wdibana nomama wakhe kodwa naye ehlala kwebomvu yona indlala kwityotyombe kwalapho eMonti. Ngaphandle kokuba ngusomaqhula, uNtshiza ungumshumayeli welizwi likaThixo yaye uthi ukubetheka kwakhe kumenze womelela kwaye okuqinisekisile ukuba soze aphinde kulo kobobomi.
Sithetha nawe nje uDani utshatile unabantwana ababini, intombi nenkwenkwe. Uthi abantwana abasakhualayo mabazimisele esikolweni, bangazibekeli ecaleni nezakhono zabo abazinikwe nguThixo. Ngapha kobumnyama kukhona ukukhanya.
